
Abadlali bokhuphiswano leSquid Game lokwenyani oludlala ngqo kumabona kude, bashiywe kumkhenkce onamqondo asezantsi ngokumandla njengoko bebesilwela ithuba lokuphumelela isigubha sebhaso.
Ababadlali basele bekhwaza becela uncedo njengoko amaqondo obushushu kwindawo ebekushicilelwa kuyo lomboniso ehle aya kufikela ku -3C, ngokutsho kwengxelo yeDaily Mail.
IIngxelo zithi, ababadlali basele beziva ngathi baneqabaka.
Abadlali balenkqubo isekelwe kwilizwe laseUnited Kingdom, baye bagula kwakumdlalo wokuqala owaziwa ngeRed light, Green Light.
Lenkqubo ineziqendu ezilishumi, abadlali abathatha inxaxheba abangapha kwamakhulu amane anamashumi amahlanu anesithandathu, abajonge ukuphumelela isixamali esifikelele kumashumi asixhenxe anesibhozo ezigidi zeeRandi, elona bhaso likhulu kwimvelaphi yokhuphiswano kumabona kude.
“Nokuba bebengenwe yingqele, abantu bebezixelele ukuba bazokunyamezela kangangoko ngoba bebengafuni kuphulukana nesisixamali. Abantu abaninzi bebezimisele ukungashukumi, bema pha ixesha elide kakhulu,” utshilo omnye wabadlali.
“Ibingathi sisemfazweni. Abantu bekhutshwa ngamagosa ezoncedo olukhawulezileyo. Ukuba uyathetha uyakhutshwa. Abanye bebengakwazi nokushukumisa iinyawo zabo ngendlela ebekubanda ngayo.”
Ukanti iingxelo zithi lenkqubo inabadlali abasuka kumazwe ohlukeneyo, kuquka iUnited States kunye neAustralia.
Umdlalo iSquid Game, othandiweyo ngaxeshanye ucatshukela luninzi, wabangumboniso owagqwesayo ngokuba nababukeli abaninzi kwiqonga likaNetflix ngonyaka ka2021, nalapho wafikelela kubabukeli abalikhulu namashumi amane anesibini ezigidi kwinyanga yawo yokuqala, uphinda phinda kabini inani lababukeli benkqubo eyayihamba phambili iBridgerton.
Kusalindeleke ukuba iqonga likaNetflix liphawule ngale nkqubo iveliswa ngokwenyani.
Iqulunqwe ngu Dylan Bettencourt
Umfanekiso ongasentla: Isicatshulwa kumboniso iSquid Game
Imvelaphi yomfanekiso: NBC News