Banyanzelisa ukufunda abantwana baseNU29 eGqeberha 

Ngu Anita Dangazele

Abantwana besikolo abangapha kwewaka benxibe iimpahla zezikolo ezohlukeneyo, bagcwalise iziko lemfundo laseEnkululekweni primary school, befuna imfundo.

Ababafundi, baseNU29 eGqeberha eMotherwell, abakangeni emagumbini okufundela njengoko sisakhiwa isikolo.

Omnye wabazali uNowezile Tyali uthe bafuna ababantwana ukuba basebenzise amagumbi asele egqityiwe. Banethemba ukuba ubukho babantwana buzakufaka uxinizelelo kubakhi nakwi sebe.

Ukwakhiwa kwesisikolo kuqale ngonyaka ka2021 ukuzama ukukhawulelana nabafundi baseNU29.

Abazali babantwana balwela ukuba kwakhiwe isikolo kule ngingqi njengoko babesokola ukufumana indawo yokufunda kwizikolo ezikufutshane.

Ngokutsho kwabazali, izikolo ezikufutshane zazikhalaza ngamanani aphezulu abafundi abasuka kule ndawo abangahambi kakuhle isikolo ngenxa yeebhasi ezingakwazi ukubakhwelisa bonke.

Abafundi bebehamba ngeenyawo umgama ongaphezulu kwe5 km ukuyofika kwizikolo eziseNU7 naseNU12.

Abazali baxelelwa ukuba esisikolo sitsha sizakube sikulungele ukwamkela abafundi xa kuvulwa izikolo ngo 2023, kodwa ngoLwesibini ootitshala bebesavalelene entlanganisweni ngethuba abasebenzi bekontraka beqhubekeka nokwakha.

Kulindeleke ukuba esisikolo samkele abafundi abangapha kwewaka elinekhulu ukugqitywa kwaso.

Iqonga leendaba iScrolla.Africa lakhonjiswa indlela eya esikolweni ngamakhwenkwana amabini ebehamba ethengisa iziqhamo, ngelixa besalinde ukuvulwa kwesisikolo.

Umakhulu uNancy Bam uxhalabile ukuba abazukulwana bakhe bazakushiyeka ezifundweni. 

“Abazukulwana bam bebefunda eImbasa Primary eNU12 kwaye benyanzelekile ukuba bahambe ngenyawo. Ndandisoloko ndixhalabile ngoba babesoloko bekhuthuzwa,” utshilo.

Umhlali ohlala kufutshane nesikolo, uNosipho Minyayo, uthe kukhe kwayekwa ukwakhiwa ngenyanga yeDwarha, abasebenzi basandula kuqalisa kwakhona kwiiveki ezimbini ezidlulileyo.

Uceba walendawo,uCllr Lunga Minyayo uthe bekukho ulibaziseko ekufakweni kwamanzi nokugqityezelwa kwezigunyazisi zokunikezelwa kwesisikolo.

Isithethi sesebe lezemfundo ephondweni, uMalibongwe Mtima uthe esisikolo sasingafakwanga kuhlahlo lwabiwo mali lonyaka ophelileyo, kwaye isebe lathobela uxinizelelo olwalufakwa ngabahlali benyanzelisa ukwakhelwa isikolo.

“Kuba esisikolo sasingafakwanga kuhlahlo lwabiwo mali, isebe lanyanzeleka ukuba lithathe kwimali eyayishiyeke kwiprojekthi eyagqitywayo,” utshilo.

UMtima uthe isebe lilwela ukuba sibe sigqityiwe esisikolo kwiveki yokuqala yenyanga yoMdumba.

Inkampani eyakhayo yalile ukuphefumla ngalomba. 

Umfanekiso ongasentla: Abantwana ngaphandle kwamasango esikolo iEnkululekweni Primary School. 

Imvelaphi yomfanekiso: NguAnita Dangazele