
Ngu Everson Luhanga
Ligutyungelwe lilifu elimnyama usapho lwakwaPotse, kwilokishi yaseTembisa kwindawana yaseVusumuzi ngethuba intombazanana yolusapho uMabule etshayiswa sisithuthi esihambisa abantwana besikolo ebesibaleka ngesantya esiphezulu.
Kwintsuku nje ezintathu emva kokusweleka kukaMabule, olusapho luphinde lwagqejwa uduma olungapholiyo ngumkhohlisi obehambele kulo.
Umkhohlisi ozenze umsebenzi kwisikolo ebifunda kuso lentwazana ineminyaka esibhozo ufikile kolusapho, waba imali elikhulu elinamashumi amahlanu eeRandi kunye nemfonomfono yomnye kosisi bakaMabule omdala.
Kungoku nje amapolisa aphanda umrhanelwa ofike wazibiza “ngentloko yesebe lezemfundo” obeze kwikhaya labazili ngenjongo yokubaxhaphaza.
Lo mfundi ebesenza ibanga lesibini, kwisikolo samabanga aphantsi iGahlanso Primary ubesendleleni egodukayo evela esikolweni ngoLwesihlanu ngethuba etshayiswa sisithuthi wabhubhela kwindawo yexhwayelo.
Usisi kaMabule, uLebo Potse oneminyaka engamashumi amabini anesibhozo uthe, ngoMvulo bebenondwendwe ebebengalulindelanga. “Owasetyhini obenxibe kakuhle ufikile ekhayeni lethu. Inwele zakhe kunye nenzipho bezilungisiwe ebonakala enesakhono esithile.”
“Uhlale nathi kwindlu yabazili elukhukhweni, elilisana nathi.”
Usapho belulawulwa liyeza lakhe, kungekho mntu urhanela eyona njongo ibimzise apha ekhaya.
“Usixelele ukuba uyintloko yesebe lezemfundo, kwisikolo ebekufunda kuso udade wethu omncinci kwaye uthunyelwe ukuba azekusincedisa ngezinto esizakuzidinga ukulungiselela umngcwabo,” utshilo uLebo.
ULebo wongeze ngelithi: “Khange sikwazi ukusikhaba isicelo sakhe. Simcele ukuba asithengele ukutya ukulungiselela abazili.”
Lo wasetyhini ucele ukuba imoto ihambe nabo xa beyokuthenga izinto ezidingekayo ezivenkileni. Kodwa ubengenayo imali yamafutha kunye nomoya wokutsalela umnxeba omnye wabantu asebenza nabo osesikolweni ophethe lemali kuzothengwa ngayo.
“Siboleke imali elikhulu namashumi amahlanu eeRandi kumakhelwane. Kumgama olingana nekhilomitha enye siphumile ekhaya, ehamba ngemoto yomakhelwane wethu, umrhanelqa uboleke umnxeba kwilungu losapho ezotsalela umnxeba omnye wabantu asebenza nabo esikolweni.
Kulapho iqale khona inkathazo.
Uthe umakhelwane wemoto esesegaraji, umrhanelwa wathatha umnxeba esenza ngathi uzakutsalela lomntu asebenza naye. Emva koko uphele emehlweni. “Sizamile ukutsalela umnxeba kwimfonomfono kasisi wam ebeyibolekile. Safika sele ivaliwe kwaye engabonakali noba utshone phi.”
ULebo uthe usapho lusothukile. Uthe isikolo sithe sakuziva ezindaba, abaphathi bahambela kude lee nesisiganeko kuba bengenalwazi.
Isithethi sesikhululo samapolisa akumazantsi Tembisa uConstable Kate Selepe uthe amapolisa amemelela uluntu ukuba luncedise ngolwazi olunokukhokhelela ekubanjweni komrhanelwa.
Umfanekiso ongasentla: NguMabule Potse otshayiswe sisithuthi ebesihambisa abantwana besikolo ngolwesihlanu
Imvelaphi yomfanekiso: NguEverson Luhanga