Ubethe iintaka ezimbini ngelitye elinye, obeqeqeshelwa ukubaligqirha esenza ibanga leshumi

Ngu Karabo Rammutla

UKhuthatso Ngobeni uphumelele ibanga leshumi emagqabini nangona ebefunda kwaye eqhuba noqeqesho lwakhe lokuba sisangoma. 

Le ntwazana ineminyaka elishumi elinethoba, ibifunda kwisikolo samabanga aphakamileyo iJ Kekana High eMamelodi, waphumelela emagqabini kwizifundo ezibini. Kungoku nje yamkelwe kwidyunivesithi yaseJohannesburg (UJ) ukuba iqhube nezifundo zobutitshala. 

Ngonyaka 2021 wayesenza ibanga leshumi uKhuthatso, oyinzalelwane yase Stinkwater eHammanskraal, eTshwane. Le ntwazana yashiya phakathi esikolweni yabaleka yaya kwikhaya legqirha elimqeqeshayo, ixhwele elaziwayo uSolly Mathebula eMamelodi.

Kunyaka ophelileyo uMathebula wambuyisela esikolweni ukuze agqibezele izifundo zakhe. 

UKhuthatso walahlekelwa ngumama wakhe esemncinci, kwaye emva kokuba wabalekela kwikhaya legqirha elimqeqeshayo usapho lwakhe zange luphinde lumncedise nganto. 

“Utata wam wayesiza azondibona kanye emva kwexesha elide, kodwa zonke izidingo ezifuna mali bezinyanzeleka zihlawulwe ngugobela wam. Nguye nowandifunela isikolo,” uxelele iqonga leendaba iScrolla.Africa.

Uthe nangona bekunzima ukumelana nesikolo kunye noqeqesho lwakhe lobugqirha, ufumene inkxaso enkulu. 

“Umqeqeshi wam ubendinika ixesha lokuba ndifunde, ubendivusa ngentseni ukuba ndifunde kwaye endincedisa ngomsebenzi wam wesikolo,” utshilo. 

“Kunyaka ophelileyo ndikhutshiwe kuba ndiphumelele ukuba ndibe ligqirha, kwaye bendinomdla wokwazi ukuba ndiqhube njani esikolweni.”

UMathebula uthi ubemthatha njengomntwana wakhe. 

“Ubengenaye omnye umntu. Ndiyakuthanda ukufunda, kwaye ndamxelela ukuba ufuna ukuqhubeka noqeqesho lwakhe lobugqirha, kufuneka agqibezele ibanga lakhe leshumi,” utshilo. 

Uthe umnqantsa abajamelene nawo kukufumana inkxaso mali yokufunda kwakhe. 

“Sisifakile isicelo kwiqumru lenkxaso mali yabafundi uNSFAS, kwaye sinethemba lokuba sizaku phumelela isicelo sakhe. Uluphendulile ubizo lwakhe ngendlela emangalisayo. Ngoku uzakufundisa ephilisa nabantu. Ndinethemba lokuba uzakuludlulisela phambili ulwazi lwakhe,” utshilo. 

Umfanekiso ongasentla: UKhuthatso Ngobeni kunye nomqeqeshi wakhe uSolly Mathebula

Imvelaphi yomfanekiso: NguKarabo Rammutla