Ingaba izakuqhuba njani iEFF kunyulo lovalo zikhewu eLimpopo? 

Ngu Lungani Zungu

Umbutho weEFF uzakuzama ukuvavanya ubungangamsha bawo kwiphondo laseLimpopo, iphondo lokuzalwa lenkokheli yalombutho, uJulius Malema kunyulo oluntsuku mbini ngoLwesithathu.

Unyulo lovalo zikhewu kwa ward 10 kumasipala wasePolokwane – idolophu kaMalema lujongwe ngamehlo abomvu kwaye umbutho weEFF wenze konke ukuqinisekisa ukuba awuphulukani nale ward. 

Ukanti lo mbutho weminqwazi ebomvu ugalele konke kwingxowa yawo yokugaya inkxaso – kuquka nokuthengela amakhaya ahlelekileyo kwaward 10 amatanki.

Noxa kunjalo, umbuzo uthi ingaba ezinzame zizakuza nazo na ivoti ezilangazelelwa leliqela. 

Le wardi ilawulwa ngumbutho weEFF yasala ingena ceba emva kokusweleka koceba wayo ngenyanga yeDwarha kunyaka ophelileyo, uRamokone Doris. 

Umbutho weEFF uthumele ijoni lawo uJacob Segodi Seshoka ukuba likhusele leward ukuba ingathathwa ngabanye abagqatswa. 

Umbutho weANC umelwe ngu Morapeng Ramoshaba, uMayinga Hlongwane umele iActionSA, uTebogo Makwea umele iActive African Christians United Movement kunye no Jackson Khoza omele umbutho iParty of Action, njengoko yonke lemibutho igaqele isikhundla sika ceba wale ward.

NgeCawa umbutho weEFF ububambe umgushuzo wokugaya inkxaso apho ilingu lepalamente lalombutho uMbuyiseni Ndlozi ethe wothula intetho ekhethekileyo, ngaphambi konyulo olujongwe ngamandla.  

Inani labavoti lalingama-45,21 kunyulo loorhulumente bokuhlala ngo-2021.

Ukanti olunye unyulo lovalo zikhewu luzakuqhuba kwaward 17, kumasipala wasekuhlaleni iBlouberg, eLimpopo eyasala ingenaceba emva kokusweleka koceba wombutho weANC uSylvia Tlepyane kunyaka ophelileyo.  

Umbutho weEFF ukholelwa ukuba uJustice Maputla ngumgqatswa olungileyo ukuba ukhokhele leward eyithatha kumbutho weANC omelwe nguSebolaishi Maputla olwela ukuba umbutho wakhe ungaphulukani nolawulo lwale-ward. 

Abagqatswa abazimeleyo nabo abazibekelanga phantsi njengoko befake amagama abo bejonge esisikhundla, uMalvis Rakgoropo, uMokgesi Davhana 

Kunyulo lonyaka ka 2021, yayingumyinge wesiqingatha wabahlali abathatha inxaxheba kuvoto. 

Kusenjalo, olunye unyulo lovalo zikhewu olujongwe ngamehlo abomvu luzakuqhuba kweli phondo leMpuma Kapa kwaward 5 kumasipala wasekuhlaleni uMbashe.

Leward inabalandeli abangagungqiyo bombutho weANC, yasala ingena nkokheli emva kokusweleka koceba walombutho. 

Umbuto weANC uthembele kuMzekelo Ndikinda ukuba aphumelele ulawulo lwale ward, ngelixa umbutho weEFF ubeke uSikelela Ndikinda ze, iUDM yona yabeka uElmon Ncetezo ukuba baqubisane kwesisikhundla solawulo. Abavoti babefikilele ku 45% kuphela kunyulo lonyaka ka2021 kule ward.

Umfanekiso ongasentla: Amalungu eEFF esenza umsebenzi ngaphambi konyulo lovalozikhewu ngolwesibini

Imvelaphi yomfanekiso: @EFFSouthAfrica