
Ngu Khaya Ndaba
Enye yendawo ezifihlakeleyo zokutya okunobuncwane eJohannesburg yiYeoville Dinner Club.
Ngokusekwa nguSan “Sanza” Sandile, eliqela lesidlo sangokuhlwa sibanjelwa kwigumbi lesidlo ekhayeni lalompheki uphume izandla. Iindwendwe zisuka mbombo zone zeli zizokudla isidlo esiphekwe ngulompheki uvunyiweyo, uSanele.
Lendawo yaphehlelelwa ngonyaka ka2016, sele isingethe abantu abanefuthe ekuhlaleni, iimvumi, kunye nosaziwayo abafana nongasekhoyo uAntony Bourdain, intatheli yokutya nendlela yokuphila yeqonga leendaba iCNN, kunye nosaziwayo kwezolonwabo ongumhlekisi uDave Chappelle.
Njengoko esitsho uSanele: “Lendawo yokutya liqonga lokudibana kwabahlobo, apho uphinde udibane neentlobo ezohlukeneyo zabantu abasuka nkalo zone zehlabathi.
“Le ndawo yenziwe ngenjongo ukuba ibe ncinane kwaye yenze abantu bakwazi ukunxibelelana. Kwitafile nganye sityisa abantu abafikelele kwishumi elinesibhozo, ukuze bakwazi ukuncokola betshintshiselana ngezimvo neengcinga zabo.”
Eyona nto imvuselelayo ukuba aqhube neshishini lakhe, kukuba ufuna ukufundisa uluntu ngemvelaphi eteketeke yase Yeoville, abantu balengingqi kunye nempembelelo yayo kwicandelo lezokutya.
Omnye wabathengi balendawo yokutya uValerie Makoala uchaze “Ukutya njengommangaliso”. Ukanti umnikazi welishishini ubonakalisa uthando ngokuba abalise ngemvelaphi yokutya ngakunye kunye nendlela okulungiselelwe ngayo.
“Uncokola nabo bonke abantu ngethuba besitya, ukhetha ukuba ibenguye buqu okuzisela ukutya kwaye nomoya ukunika ukukhuleka ngathi usekhaya. Ndikonwabele kakhulu ukutya apha nayoyonke into endiyifumeneyo,” utshilo.
Iintlobo zokutya ezifumanekayo ziquka ukutya kwesintu iPan-African kunye nokwabantu abatya imifuno kuphela.
“Sipheka iintlobo ezohlukeneyo zokutya kwesintu eziquka ifishi eyojiweyo, ulusu, amadombolo, intloko yebhokhwe, izidlo ezinencasa ezohlukeneyo, umdiliya wethu omfaxangiweyo esizenzelayo kwaye sinazo nentlobo zokutya kwabantu abatya imifuno kuphela,” utshilo uSanele.
Abantu abafuna ukutya, bamkelwa iveki neveki kwikhaya lakhe eYeoville eJohannesburg.
Umfanekiso ongasentla: Omnye wabathengi kwindawo yokutya kaSanza
Imvelaphi yomfanekiso: Uthunyelwe.