
Ngu Dylan Bettencourt
ULewis Hamilton uzityande igila ethetha ngocalucalulo ngokwebala awayekunyamezele ngexesha lokufunda kwakhe isikolo.
Lomqhubi womdlalo iFormula1 ebedla ngokubalisa ukuba wadlula kucalucalulo, kodwa zange ake adakance ncakasana ukuba zintoni ekwakunyanzeleka azinyamezele ngenxa yebala lakhe.
Ethetha kusasazo lwePodcast ethi On Purpose, uHamilton uthe ixesha lokuya esikolweni yayilelona xesha linxunguphalisayo ebomini bakhe.
“Yayilelona xesha lobunzima ebomini bam,” utshilo.
“Ndathi ndineminyaka emithandathu ndabe sele ndiyiqhelile into yokundlandlathekiswa. Ndandingomnye wabantwana abathathu bebala elimnyama, kwaye iindlobongela zabantwana abakhulu, nabomelelyo babendindlandlathekisa amaxesha amaninzi,” utshilo lomqhubi uneminyaka engamashumi amathathu anesibhozo.
UHamilton ubhengeze ukuba isikolo esasinabantwana abaliwaka namakhulu amabini, sasinabantwana abamnyama abathandathu okanye abasixhenxe kuphela.
Uthe eyona nto yayingamandla: “kukuphoswa kwamazwi ahlabayo, ukujulwa ngezinto ezifana namaxolo eebhanana, okanye abantu ababesebenzisa igama lobuhlanga eliqala ngo-N lula nje.”
UHamilton isenguye yedwa umqhubi weFormula 1 omnyama ngokwebala, kwaye ujamelene nomceli mngeni wokuxhatshazwa ngokuzama ukuthetha esidlangalaleni malunga nokungabikho kobulungiswa ngaphakathi nangaphandle kwalomdlalo.
Ezi zezinye zengxaki uHamilton azama ukufumana isisombululo kuzo. Uninzi lwabadlali bayazazi, kodwa abanawo amaqonga okuthetha ngazo xa kuthelekiswa noHamilton.
Nangona abaninzi bengazigxeka iinjongo zakhe bathi ufuna ukusizelwa, kodwa olu lunxulumaniso lwamava nokuzama ukulungisa lo mba.
Lo mdlala sele eyintshatsheli yehlabathi izihlandlo ezisixhenxe kulomdlalo khange afumane nempumelelo enye kwisizini yomdlalo iFormula1 yinyaka ka2022. Oku zange kwenzeka ngaphambili, kwaye kulonyaka ujonge phambili ukulungisa lempazamo.
Uhlobo olutsha lwemoto yakwa Mercedes izakuvezwa ngokusesikweni ngomhla weshumi elinesihlanu kwinyanga yoMdumba, ngelixa isizini yomdlalo iFormula 1 izakuqalisa ngomhla wesihlanu kwinyanga yokwindla, ngomdlalo iBahraian Grand Prix.
Umfanekiso ongasentla: NguLewis Hamilton
Imvelaphi yomfanekiso: Sports Illustrated