
Ngu Nkhensani Mthombeni
Ekugqibeleni uNoncebo Bonelwa uliphumelele ibanga leshumi – sele eneminyaka engamashumi amathathu anethoba.
Wayeka phakathi esikolweni ngonyaka ka2005, kodwa wabuyela kwakhona ngonyaka ka2021. Wathathisa apho wayeyeke khona, wafunda ibanga lethoba nabantwana abalingana nesiqingatha seminyaka yakhe.
Uxelele iqonga leendaba iScrolla.africa ukuba emva kokuyeka phakathi esikolweni, ubomi bebungekho lula, “kodwa ndafumanisa ukuba ndidinga ukubuyela esikolweni emva kokuba ndifumene umntwana endingakhange ndikwazi nokumondla”.
“Ndafunda ukuthunga nokupheka, kodwa ndaphela ndisebenza kwivenkile yamaNdiya ethengisa ikhethini,” utshilo.
“Kwakunzima ukusebenza iintsuku ezisixhenxe ngeveki, usebenza iiyure ezinde kwaye uhlawulwa imali encinci kakhulu.”
Ukubuyela esikolweni kwakunzima kuba izikolo zamabanga phezulu ezininzi zazingamamkeli emva kokuhlala ixesha elide engafundi. Emva kwexesha ekhangela, wafumana isikolo Ekuphumleni High, kodwa wanyanzeleka ukuba anyamezele ukuba yintlekisa kootitshala kunye nabantwana ngenxa yeminyaka yakhe.
“Ulutsha olusafikisayo lwalundihleka, abanye bendiqhwaba befuna ndicaphuke,” utshilo.
“Noxa kunjalo, ndaqhubeka ndibancumela. Ndandingayinakanga nale yokuba kuhlekiswa ngam kuba ndandinesigqibo sokuba ndipase qha.”
Uthe wathi kuba wayebacela ukuba bamncedise ngomsebenzi wakhe wesikolo, bade bamamkela.
“Ootitshala babede bendikhuthaza ukuba ndikhuthaze abanye abantwana ngokubaxelela ngebali lam,” utshilo.
Utata kaBonelwa wayelimela ukuba kutyiwe kwakhe, umama wakhe esebenza kwisikolo sabantwana abancinci ehlawulwa amashumi amahlanu eeRandi ngenyanga. Yena nabazali bakhe, abantakwabo abancinci kuye ababini kunye nabazala bakhe abababini babehlala kwindlu eligumbi elinye.
Umama wakhe wathatha isigqibo sokuba ashiye kumsebenzi wakhe eneminyaka engamashumi amathathu anethoba ngonyaka ka 1996, wayokufundela ubutitshala. Emva kokuphothula izifundo zakhe, wafumana umsebenzi, wakhela usapho lwakhe indlu enemagumbi aluthoba.
UBonelwa uthe njengomntwana omdala kowabo, uzive ephantsi koxinizelelo lokuba kufuneka abe lulutho naye ebomini bakhe, kuba ngoku abantakwabo abancinci bafundile baphumelela ngezakhono zabo.
Uphumelele ibanga lakhe leshumi ngeDiploma. Ngoku ufuna ukufundela ukutitsha okanye ukuba ngunontlalontle, kuxhomekeke ukuba ufumene esiphi isakhono.
“Abantu abatsha kufuneka bazithathele ingqalelo izifundo zabo ngoku basebancinci. Ubomi bunzima ngaphandle kwemfundo, kwaye nokufunda akululanga,” utshilo.
Umfanekiso ongasentla: NguNoncebo Bonelwa enxibe umakufanwe wakhe wesikolo
Imvelaphi yomfanekiso: Uthunyelwe