UMqeqeshi uthi uRonaldo udinga inkxaso engcono kwabo adlala nabo

Ngu Razeen Gutta

Kulandela umdlalo wakhe wokuqala kwiqela iAl Nassr ngoMgqibelo, uCristiano Ronaldo ngoku unomfanekiso ngqondweni ocacileyo malunga nokulindelwe ngumphathi omtsha uRudi Garcia ukuze adlale ngokugqibeleleyo kuxhamle iqela lakhe. 

Eliqela liphumelele ngenqaku elinye kwimbande yesikhova kumdlalo wabo neqela leAl Ettifaq. Le mpumelelo ibalulwe njengesiqalo esihle, nguRonaldo buqu ngethuba ebulela abalandeli ngenkxaso yabo emva komdlalo. 

“Umdlalo wokuqala, impumelelo yokuqala. Nisebenzile madoda. Ndiyabulela kubo bonke abalandeli ngenkxaso engagungqiyo,” Ubhale wenjenje lomdlali sele ephumelele imbasa yeBallon d’Or amatyeli amahlanu kwikhasi likaTwitter.

Noxa kunjalo, ubukho bukaRonaldo akhange bubenafuthe kwindlela ohambe lo mdlalo, nangona ethe efika wanikwa isikhundla sika Kapteni kwiqela iAI Nassr. 

Impumelelo yeliqela ize ngonyawo lo mdlali uAnderson Talisca ofake inqaku elinye. 

UGracia ukholelwa ukuba utshintsho luyadingeka kwindlela eliqhuba ngayo iqela lakhe njengoko linomdlali oqaqambileyo ongumphuthukezi, ebanga ngelithi kungenzeka ukuba bazame ngokugqithisileyo ukumbandakanya kweliqela. 

“Kubaluleke kakhulu ukuba abadlali badlale ngendlela eqhelekileyo, bangasoloko bezama ukunikela ibhola kuCristiano. Ndibaxelele ukuba kufuneka benze izigqibo ezilungileyo ebaleni,” utshilo uGarcia kwinkomfa noonondaba emva kwalomdlalo. 

“Kodwa okucacileyo kukuba xa uCristiano okanye uTalisca bekwindawo evulekileyo becela ibhola kufuneka sibanike. Ababadlali babini bayakwazi ukwenza umahluko. Kumdlalo wanamhlanje ndicinga ukuba ngamanye amaxesha besiwafumana amathuba okuba sikhabele ibhola ebhokisi kodwa kungekho bantu ebhokisini – ngamanye amaxesha kungekho Ronaldo naTalisca.” 

“Sidinga ukuba omnye wabo abengaphakathi ebhokisini, omnye adlale ngaphandle kwebhokisi,” utshilo. 

Umfanekiso ongasentla: NguCristiano Ronaldo

Imvelaphi yomfanekiso: Ikhasli likaTwitter: @cristiano