Izandi zokudutyulwa kwesithathu zishiye abahlali bekhwankqisekile 

Ngu Buziwe Nocuze

Uluntu lwaseGugulethu luqinisekile ukuba isehlo sodutyulwano esishiye abantu abathathu bebhubhile sinento yokwenza namaqela oonqevu. 

UZameka Zweni oneminyaka engamashumi amathathu anethoba, ebesendleleni egodukayo ngethuba esiva izandi zokudubulana. “Zange ndake ndaziva izandi ezininzi kangaka zokudubula ebomini bam, ngaphandle kwakwimiboniso bhanya bhanya, kwaye andikakholelwa ukuba yenzeke nyani lento.”

Ebefuna ukuyojonga kuba ngubani lo udutyuliweyo, kodwa wanoloyiko lokuba adibane nembumbulu emoyeni. 

“Ndabaleka ndazimela ngendlu ekufutshane nodederhu lwevenkile. Kuthe kwakuthuleka ndabaleka ndayobona ukuba ngubani lo ube dutyulwa.”

Khange othuke xa ebona abantu ababini bendunduluzile beswelekile. 

Amadoda amabini aswelekele ngaphakathi emotweni, kwaye omnye wabo ubalekiselwe esibhedlele.”

Omnye wabahlali ocele ukuba angadizwa ucinga ukuba esisiganeko sinento yokwenza kunye nemali yentlawulo yokhuseleko. “Ndive abanye abantu bethetha lonto, kwaye sonke siyayazi ukuba xa kusenzeka into ekumila kunje kulommandla, unobangela usube iziziyobisi okanye intlawulo yokhuseleko.”

Ngoku bathi kuba sele iqalile, izakuhlala isenzeka. 

“Wonke umntu ufuna imali yasimahla, kodwa bayalwa ekupheleni kosuku. Andazi ukuba kutheni. Isiphelo sisoloko singesihlanga, kwaye ndinqwenela urhulumente angenelele enze indlela yokuphelisa iintlawulo zokhuseleko.”

Iqonga leendaba iScrolla.Africa lifike  kwindawo yexhwayelo amagosa ecandelo lesipolisa esasebenza. Kufunyenwe amakhoba eembumbulu angaphezu kwamashumi amane.

ULonwabo Tyeku ufumene ukuxola kuba oludubulo lwenzeke ngempelaveki. 

“Le ndlela ixakeke kakhulu. Ukuba oku bekwenzeke phakathi evekini, uninzi lwabantu abangena tyala bebezakuchatshazelwa yinto abangena lwazi lwayo.”

Uthe lommandla ujike wayindawo yemfazwe, kwaye abantu babulawa okwezinambuzane.

Isithethi samaplisa kwiphondo leNtshona Kapa uBrigadier Novela Potelwa uthe, kuvulwe amaxwebhu amathathu okubulawa kwabantu kwaye uphando luyaqhuba, emva kokubulawa kwamadoda amathathu aphakathi kweminyaka engamshumi amabini anesibhozo namashumi amathathu ngokuhlwa kwangeCawa. 

“Uphando olwenziwe kwindawo yexhwayelo lubonakalisa ukuba, isithuthi ebesihamba abo babhubhileyo besingena kumgaqo uNY6 ngethuba sidutyulwa ngamadoda angaziwayo abexhobe ngemipu, athe abaleka ngesinye isithuthi kwindawo yexhwayelo.”

Amaxhoba amabini aswelekele kwindawo yexhwayelo, ngelixa elesithathu liswelekele esibhedlele ngenxa yamanxeba anobuzaza okudutyulwa. Nabanina onolwazi olunokuncedisa amapolisa kuphando lwawo malunga noludutyulwano uyabongozwa ukuba atsalele amapolisa kumxeba othi 0860 10111 okanye asebenzise umnatha kwiMYSAPSApp. Ulwazi olufunyenweyo luzagcinwa luyimfihlo. 

Umfanekiso ongasentla: Amagosa ecandelo lamapolisa kwindawo yexhwayelo eGugulethu 

Imvelaphi yomfanekiso: NguBuziwe Nocuze