Ihlanguliwe indoda ebihleli elwandle iintsuku ezingamashumi amabini anesine

Ungamangaliseka zizinto onokuzenza ngesosi yetumato, umgubo wegalikhi kunye nesiqholo sokutya iMaggis cubes.

Nangona ungenokwenza okona kutya kumuncisa iintupha, indoda eneminyaka engamashumi amane anesixhenxe ikwazile ukuphila iintsuku ezingamashumi amabini anesine enzonzobileni yolwandle ngeziziqholo zintathu kuphela.”

UElvis Francois waseDominica uthe ubunzima bakhe buqale ngenyanga yoMqungu ngethuba elungisa isikhephe sakhe ngaphandle kwesiqithi sase St Martin eNetherlands Antilles. Umsinga wasuka watsalela isikhephe sakhe elwandle.

Kumboniso oshicilelweyo uthe ebengena kutya esikhepheni – ebenesosi yetumato, isiqholo sokutya kunye nomgubo wegalikhi. 

“Ndagqiba kwelokuba ndizixube namanzi,” utshilo. 

Kulomboniso ukhutshwe ngumkhosi wase Colombia, uFrancois uthe watsalela umnxeba abahlobo bakhe, nabo baphinda bazama ukubuyela kuye. 

“Kodwa yayingekho inetwork. Ngako ke yayingekho enye into endandinokuyenza, ngaphandle kokuba ndihlale ndilinde.”

Kwakunyanzeleka ukuba amane ekhupha amanzi kwisikhephe sakhe ukuze singaziki. Wazama nokubasa umlilo ngenzame zokubonisa abantu ngemeko akuyo – kodwa nezo iinzame zaphanza. 

Ngentlahla inqwelo moya eyayidlula ngaphezu kwakhe, yambona njengoko wasebenzisa isipili ukuzibonakalisa.

Iqonga lendaba iAP News lichaze kanjalo malunga nokuhlangulwa kuka Francois ngumkhosi waseColombia. 

Imbalelwano ekhutshwe ngumkhosi ngoLwesithathu ithe, esisikhephe sabonwa kumgama olingana nekhulu elinamashumi amabini emayile sisemanzini, kumntla ntshona weLa Guajira ePeninsula. 

Amagosa athi igama elithi “Ncedani” ewayelibhale kwesisikhephe lilo elabangela ukuba akwazi ukuhlangulwa. 

Emva kokuba eboniwe, wahlangulwa wasiwa kunxweme lwemikhumbi yesixeko saseCartagena, ehanjiswa ngomkhumbi owawudlula apho. 

Inkumanda yomkhosi waseColombia uCarlos Urbamo Montes uthe uFrancois wafunyanwa esempilweni, nangona wayehlile emzimbeni. 

Kumboniso okhutshwe ngumkhosi, uFrancois uthe kwafika ixesha apho wayephelelwe lithemba, kwaye lusapho lwakhe kuphela into eyamgcina ephila; ukucinga nje ngalo kwakumnika amandla, utshilo. 

Kwaye ubulele ngokungazenzisiyo koonogada bonxweme. 

“Ukuba bebengekho bendingenokwazi ukubalisa eli bali,” utshilo. 

Umkhosi wokhuselo uthe uFrancois ufumene uncedo lwezempilo elunxwemeni, emva koko wanikezelwa kwabasemagunyeni kwicandelo leembacu ukuba likwazi ukumgodusa aye eDominica. 

Iqulunqwe ngu Mashudu Mabila 

Umfanekiso ongasentla: Indoda elahleke kulwandle iCaribbean iintsuku ezingamashumi amabini anesine 

Imvelaphi yomfanekiso: Iqonga lendaba iAP News