Amasela eentambo zombane adibene neembila zithutha eMdantsane

Ngu Zavela Makwabe

Ngethuba amadoda amabini esiba iintambo zombane zohlobo lweCopper kwisibhedlele iCecelia Makiwane eMdantsane kwiveki ephelileyo, khange bacinge ukuba bangadibana neembila zithutha. 

Ukubiwa kwezintambo kubangele ukucima kombane kwiindawo ezahlukeneyo kwesisibhedlele, sishiya uninzi lwezigulane zisebungozini. 

Abantu abagula ngamandla badinga umoya ukuze bahlale bephila. Ukanti iintsana ezizelwe zikwimeko embi yempilo zidinga oomatshini abasebenzisa umbane ukugcina iintliziyo zazo zibetha.  

Oonogada bathi bakuva ingxolo yokuqhushumba ngaphandle kwesibhedlele ngoLwesibini, babaleka bayokuphanda ze babona amadoda amabini etsiba ucingo begaxele iintambo zombane. 

Eli ibilityeli lesibini kwisithuba esingaphantsi kweveki, umbane kwesisibhedle uphazamiseka. KuLwesihlanu ogqithileyo umbane wawungekho iiyure eziliqela – kwaye yayingeyo nkqubo yokucinywa kombane. 

Kwelityeli, abahlali baseMdantsane ababelugcwabevu ngumsindo bangena kwizitalato zale lokishi bakhangela abarhanelwa naphantsi kwezicithi. La masela afaniswa kushicilelo olwaluthe ndii kumakhasi onxibelelwano apho abarhanelwa babeqhayisa ngokweba iintambo zombane kwisibhedlele. 

Ukanti khange kubathathe xesha lide ukuba bafumane ababarhanelwa. Omnye wabo bambethe wanabela uqaqaqa, ngelixa omnye wabo ebalekiselwe esibhedlele. Kungokunje uphantsi kweliso lamapolisa de kufike ixesha lokuba alulame azokungena eziseleni.

Kuyo yonke lengxubakaxaka, abahlali abalugcwabevu ngumsindo batyhola ngelithi, unobangela woku ngumnikazi weshishini elithengisa ubugoxo obudala bentsimbi. 

Kutyholwa ngelithi, lowasetyhini ushishina ngobugoxo, ubejonge ukuthenga iintambo zombane ezibiweyo, kwaye ube lixhoba elilandelayo labahlali. 

Kule mpela veki, abahlali bazame ukutshisa ikhaya lakhe. Amapolisa afike kanye xa lizakutshiswa ikhaya lalowasetyhini ze wabanjwa ngoko nangoko ngokuthengisa iintsimbi ezibiweyo.

Isithethi samapolisa uBrigadier Thembinkosi Kinana ungqinile ukuba onogada besibhedlele babone abantu abatsha ababini betsiba ucingo lwesibhedlele emva koqhushumbo olukhulu kwisibhedlele saseMdantsane ngoLwesibini kwiveki ephelileyo. 

Kufunyenwe izixhobo ebebezisebenzisa kwindawo yexhwayelo, kwaye intambo zombane ezinobude obulinganiselwa kwishumi elinesibini lemitha bezilahlekile. 

Uthe kafutshane emva kokuba umsebenzi wesisibhedlele evule ityala ngoLwesine, amapolisa afumana umkhondo wokuba amalungu ekomiti yasekuhlaleni abambe abantu abatsha ababini abatyholwa ngokuba ezintambo. 

Amalungu alekomiti, ayelungiselela ukutshisa umzi, kodwa amapolisa athunyelwa kule dilesi afika kwangethuba ukusindisa lomzi. 

Uthe amapolisa ngoku aphanda ityala lokonakaliswa kweziseko, kunye nokwebiwa kweentambo zombane.

Kwintlanganiso ebibanjwe ngeCawa, uluntu luthathe isigqibo sokuba kuvalwe oonke amashishini  ashishina ngobugoxo obudala neentsimbi ukunciphisa amathuba okuba siphinde sehle kwakhona isiganeko esiloluhlobo.

Umfanekiso ongasentla: Abarhanelwa ababini emva kokuba bebanjwe ngabahlali

Imvelaphi yomfanekiso: Ikhasi likaFacebook