
Ngu Bathandwa Ndlangisa
“Andihambisani nobuqhophololo obenziwa nguPrince Dlamini ohamba eqhatha abantu esebenzisa igama lam.”
Esi sisilumkiso esikhutshwe ngusaziwayo ophumelele iimbasa kwezomculo uZahara, obhengeze kwiveki ephelileyo ukuba igama lakhe lisetyenziswe ngaphandle kwemvume yakhe, ngumonwabisi woluntu awakhe wadibana naye kwakanye qha.
Ebhenela kumakhasi ezonxibelelwano, lemvumi ithe bubuvuvu into yokuba uzakube eyinxalenye okanye ecula kweminye yeminyhadala kaDlamini.
“Ndadibana noPrince Dlamini ngethuba ndicelwe ukuba ndiyokonwabisa Eswatini, kwaye sathatha nemifanekiso kwindawo endandicula kuyo,” utshilo uZahara.
“Ndifuna ukuyibeka icace esidlangalaleni into yokuba andinabudlelwane bezoshishino noPrince Dlamini, kwaye andisaqhakamshelani kwaphela naye. Ndicela nimlumkele.”
UBulelwa Mkutukana owaziwa ngelika Zahara, uzimisele ukuqaqamba azibonakalise kwicandelo lomculo nolonwabo.
Ngempelaveki ephelileyo, le mvumi yafumana indumasi ngeculo elithi Loliwe ibhegeze ukuba iphumelele imbasa yeMvumi egqwesileyo yasetyhini kunikezelo lwembasa iAfrican Entertainment Awards.
Kumsitho ububanjelwe kwilizwe laseUSA, oxhasa, uvuyisana kwaye uphakamisa icandelo lezolonwabo lelizwekazi iAfrika. Basebenzisa icandelo lezolonwabo ukubonakalisa iAfrika ebumbeneyo, ezimele kwaye ethatha igxathu ukumilisela utshintsho oludingekayo kuzozonke indawo ekuhala amaAfrika kwihlabathi jikelele.
Iimbasa zehlabathi jikelele esele ziphunyelelwe ngu Zahara ziquka iKora Awards, ephumelela ukuba Yimvumi egqwesileyo yasetyhini yelizwe loMzantsi Afrika (ngo2012), iChannel O Music Awards, ephumelela imbasa ngomculo oluntuthu ogqwesileyo kuhlobo lwe Urban Music Album (ngo2012) kunye neNigerian Entertainment Awards, ephumelela Imvumi yeSouthern African Artist yonyaka (ngo 2013).
Lemvumi iyinzalelwana yephondo iMpuma kapa ikwabhegeze nentsuku zokuqala kwemveliso yakhe engaye iReality TV Show, ekulindeleke ukuba idlale kuSABC1 ebutsheni benyanga ezayo.
Umfanekiso ongasentla: NguBulelwa Mkutukana, owaziwa ngelikaZahara
Imvelaphi yomfanekiso: Likhasi likaFacebook