Ugwetyiwe owazama ukuthengisa umntwana ophila neAlbinism

Ngu Lungi Langa

Owasetyhini oneminyaka engamashumi amathathu anesine waseManguzi ugwetywe iminyaka engamashumi amabini evalelwe kwesimnyama isisele, ngokuzama ukuthengisa inkwenkwana eneminyaka elishumi elinanye ephila neAlbinism kwixhwele ukuze kwenziwe amayeza. 

Inkundla yommandla waseNgwavuma igwebe uMpume Mabika emva kokuba efunyaniswe enetyala. 

Ngenyanga yesilimela ngonyaka ka2016 uMabika watsalela umnxeba uJames Mthembu, oneminyaka engamashumi amathandathu ananye, olixhwele lasekuhlaleni emxelela ukuba uthengisa umntwana oneminyaka elishumi elinanye ophila ne Albinism, ukuze amsebenzise ukwenza amachiza emveli.

Wamcela ukuba makahlawule imali efikelele kwikhulu lamawaka eeRandi ngalomntwana wesizalwane sakhe. 

UMthembu uthe nangona engasalukhumbuli usuku awafumana ngalo umnxeba ovela kuMabika, kodwa intetho yabo uyikhumbula ngathi ibisenzeka izolo. 

“Kwakusemva kwentsimbi yethoba kusasa enditsalela umnxeba endixelela ukuba uthengisa umntwana ophila neAlbinism,” utshilo uMthembu ekhumbula intetho yabo.  

Elixhwele laqonda ukuba, ukuze lisindise impilo yalomntwana kwakufuneka lizenze ngathi linomdla wokumthenga lomntwana. 

“Emva koko wandixelela ukuba uzakumbulala lomntwana, amzise kum. Ndamxelela ukuba makangambulali, ndizakuzibulalela.”

“Ndachitha iiyure ezine zonke ndihleli ndodwa, ndimangalisekile. Emva Koko ndaxelela inkosikazi yam, ndatsho ndatsalela umnxeba umhlobo wam oligosa lezendlela, owakwazi ukundidibanisa namapolisa ukuze ndixele esisiganeko.”

Amapolisa acingela ukuba olulwazi luzakuwancedisa, nakwelinye ityala awayeliphanda lomntwana olahlekileyo. 

Emva kongenelelo lwamapolisa kwaphekwa icebo lokubamba uMabika, etsalwa ngokuthenjiswa ukuba uzakuhlawulwa lemali yokuthenga lomntwana. 

UMthembu, owaziwayo kummandla okumantla ephondo laseKZN ngokulwisana nokubulawa kwabantu abaphila ne Albinism kusenziwa amachiza, uthe yena namapolisa babekhathazekile njengoko uMabika engazange abuyele kubo kwade kwaphela iintsuku ezintlanu. Wathi akubatsalela kwakhona baqhubela phambili ngecebo lokuba badibane. 

UMabika waqhuba isithuthi sakhe ehamba nepolisa elizifihlileyo, bekhangela lomntwana. Wathi kubo ukuba bebefike ngexesha bebezokwazi ukuba bamfumane lomntwana. 

Kodwa, wabathatha wabasa kwikhaya lomntwana, wababonisa igumbi lakhe ukuze bakwazi ukubuyela bazomthumba ngobo busuku. 

Ngokutsho kukaMthembu, amapolisa aphindela ekhayeni lomntwana, amthatha, ayakudibana noMabika ukuqinisekisa ukuba bathathe umntwana onguye. Emva kokuba eqinisekisile, wabanjwa ngoko nangoko. 

“Kha ucinge ke, ubefune ukundithengisela abantwana abathathu kuquka namawele aphila neAlbinism, ngemali efikelele kumakhulu amathathathu amawaka ebiza ikhulu lamawaka ngomntwana ngamnye? Kodwa ndamcela ukuba ehlise ibe ngamashumi amahlanu amawaka ngomntwana ngamnye, kodwa wandixelela ukuba ukwenza oku kunexabiso elikhulu kakhulu.” 

“Ndandingakholelwa ukuba umntu angakhohlakala olohlobo lokuba athengise omnye umntu emthengisela into oluluhlobo,” utshilo uMthembu.

Kumaphepha asenkundleni, unina womntwana uthe unyana wakhe uphila noloyiko oko kwathi kwenzeka esisiganeko. Uthe emva kwaso, akazange aphinde amvumele umntwana wakhe ukuba aphume ngaphandle kweyadi, kwaye umgcina esecaleni kwakhe. 

Umlawuli wezo tshutshiso lwasesidlangalaleni, kwiphondo laKwaZulu-Natal, uAdvocate Elaine Zungu usamkele esisigwebo, esithi banethemba lokuba oku kuzakuphelisa amampunge okubulawa kwabantu abaphila neAlbinisim kuba kufunwa ukwenziwa amachiza esintu. 

Umfanekiso ongasentla: NguMpume Mabika ogwetywe iminyaka engamshumi amabini ngokuzama ukuthengisa ikwenkwana eneminyaka elishumi elineye ukuze kwenziwe ngayo amachiza emveli.

Imvelaphi yomfanekiso: Ikhasi likaFacefook