
Ngu Everson Luhanga
Umsitho obubanjwe emva komngcwabo iAfter Tears wonganyelwe kukufa ngethuba kuxabana amadoda amabini eTembisa kwindawo yasePhomolong Ngomgqibelo.
Emva kokungcwaba uSpamandla Henry Mazibuko obeneminyaka engamashumi amane anesithathu, osweleke ngenxa yemeko zemveli ngoLwesibini, abazili babuyele ekhayeni benza umsitho i-after tears apho bazakuphola basele iziselo zabo.
Kodwa izinto, zijike zakrakra ngethuba amadoda amabini engquzulana kwingxabano ebitshisa.
Le ngxabano iqhube yade yangalawuleki, njengoko enye indoda iye yasweleka, kwaye eyesibini etyholwa ngokudubula indoda yokuqala – itshisiwe. Kungokunje isesibhedlele phantsi kweliso lamapolisa, ijamelene netyala lokubulala.
Usapho lwakwaMazibuko, obelucingela ukuba luzokuthi ndlela ntle kunyana walo, lusele luphelelwe ngamazwi ngenxa yeziganeko ezothusayo ezenzekileyo.
Iqonga leendaba iScrolla.Africa lithethe nosisi kaSiphamandla, uSithabile Manyathi, obekhona kumsitho weAfter tears emva kokungcwaba ubhuti wakhe.
“Bendingaphakathi endlini ndihleli ekhukhweni lwabazili,” utshilo.
“Andiwazi lamadoda ukuba ebexabana ngantoni, into nje endiyivileyo zizandi zokukhala kompu. Okuthe kwalandelwa kukukhala kwabantu.
“Sonke endlini besimangalisekile, saphuma phandle sifuna ukubona ukuba kwenzeka ntoni.”
Uthe into ayobonileyo kukungabikho kwenzolo kuphithizela.
“Indoda ehlala kwakwesisitalato, ebizekungcwaba ubhuti wam ibidada gazini, idutyulwe izihlandlo ezithathu.
Ubesazama ukuqonda ukuba kwenzeke ntoni na, ngethuba igquba labazili bencediswa ngabahlali balommandla beleqa umrhanelwa osolwa ngokudubula abulale lendoda.
“Bambambile, bambetha, bamgalela iparaffin batsho bamtshisa.”
Kuvakele intsholo isitsho abantu bevuya bekhwaza, kwaye bebukele umrhanelwa esitsha.
Zonke iimpahla ebezinxibile bezitshili.
Uthe, lendoda ithe yakubona ivantyi yamapolisa yabaleka isiya kuyo, wavula iingcango ngokwakhe wacela amapolisa ukuba makahambe naye ngokukhawuleza.
“Uthe ebaleka engena kulevantyi yamapolisa wabe engasanxibanga mpahla, kwaye ubetshe ngokumasikizi.”
Amapolisa ambalekisele kwisibhedlele saseTembisa. Abantu ababeke bayityelela lendoda esibhedlele baxelele iqonga leendaba iScrolla.Africa ukuba izakuba ngummangaliso ukuphila kwakhe, njengoko amanxeba akhe okutsha ebalelwa kwisigaba sesithathu.
Isithethi sesikhululo samapolisa iRabie Ridge police station usergeant Jacob Mhlongo usiqinisekisile esisiganeko, ekwathi lendoda ijamelene netyala lokubulala.
Umfanekiso ongasentla: Impahla izitshileyo zombulali.
Imvelaphi yomfanekiso: uthunyelwe