
Ngu Micheal Madyira
lihleli kwindawo yesine iqela leOrlando Pirates kuluhlu lwamaqela adlala indebe yePremier Soccer League, emva kokubetha iqela leStellenbosch ngamanqaku amane kwinqaku elinye kumdlalo wangeCawa eOrlando stadium.
UThabang Monare, uInnocent Maela, uKermit Erasmus kunye noNdabayithethwa Ndlondlo badlale indima enkulu kwimpumelelo yeliqela kulo mdlalo. Ababadlali bafake amanqaku abo okuqala kulesizini, nto leyo inyuse eliqela layokutsho kwindawo yesine kuluhlu lisuka kweyesibhozo.
Ukanti uMervin Boju ongumdlali ongene kamva weqela iStellenbosch ufake inqaku lomthoba ntliziyo, sele kushiyeke imizuzu elishumi elinesihlanu ngaphambi kokuba uphele lomdlalo.
Ngaxeshanye iqela lePirates khange liphozise maseko emva kokuba uMonare efake inqaku ngokungquba ibhola yasimahla ebisuka kuMonnapule Saleng.
Iqela leStellenbosch lizamile ukuphindisa kodwa uNkosinathi Sibisi kunye noTapelo Xoki bakhawuleze bamvala uAntonio van Wyk obefumene ibhola esuka kuKapteni weliqela uDean van Rooyen.
Iinzame zokubuyisa izitya kwiindwendwe zibonakale zisilela, bazive bephantsi koxinizelelo nangakumbi emva kokuba unozinti wabo uSage Stephens ephume kwindawo yakhe esiya ekupheleni kwebhokisi apho aphose ibhola ebezakuyikhaba. Emva Koko lebhola idlule kuXoki yawela ezinyaweni zika Maela oyihlabe emnatheni ngoko nangoko.
Emva kokufaka lamanqaku mabini, amaBhakaniya khange aphelele apho. Enye ibhola kaBandile Shandu iye yevalelwa emva kwe nje kwesiqingatha seyure.
UStephens uphinde wafumana ithuba lokulungisa impazamo yakhe ngokuvala ibhola kaMaela ebizakungena ekoneni.
USaleng ebekwindawo entle yokufaka inqaku phambi kokuba kukhale impempe yokuphela kwesiqingatha sokuqala, kodwa ibhola yakhe ibethe phezu kweepali.
AmaBhakaniya athathise apho ebeyeke khona kwisiqingatha sokuqala. Kwimizuzu nje emine siqalile isiqingatha sesibini, uErasmus ujikise uAthenkosi Mcaba kodwa inqaku lakhe lahamba ngaphezu kweepali.
Ekugqibeleni uErasmus ukwazile ukufaka inqaku lakhe lokuqala leleague ngethuba efika kwibhola ebikhatywa nguSaleng ayihlabe emnatheni, ngebhola ekukholeleka kukuba ibiyeyokugqibela kuye kulomdlalo.
Kungekudala emva kwelinqaku, uNdlondlo ufake inqaku elihle kakhulu engaphandle kwebhokisi, njengoko esongeza inqaku lesibini kumanqaku awafake kule league, emva kwenqaku walifaka kumdlalo wabo neMarumo Gallants ebitsheni besizini.
Iqela leOrlando Pirates libonakele lonwabile emva kokungafumani bunzima bungakanani kwiqela ebeliqubisana nalo, kwaye umdlali ongene kamva weliqela uTerrance Dzvukamanja uphantse wafaka inqaku kodwa walichitha uStephens.
Kodwa emva koko, amaBhakaniya ebekhangeleka epholile njengoko eye avumela umdlali weStellenbosch, uBoji oneminyaka elishumi elinethoba ukuba afake inqaku lakhe lokuqala ngqa kwiPSL.
Imvelaphi yomfanekiso: Orlando Pirates