Iphumelele emagqabini inkedama yaseRhawutini 

Ngu Everson Luhanga

Ngethuba elahlakelwa ngumama wakhe ngosuku lwekhrismesi kunyaka ka 2018, uElizabeth Moloko waziva ingathi ilizwe limjikele kwaye limvalele ngaphandle. 

Kodwa lentwazana iselula ingumfundi kwisikolo samabanga aphakamileyo iDiepsloop Secondary School yesithathu, yazivuthulula yajonga phambili, yazimisela ezifundweni zayo. 

Ukuzimisela kwakhe nokusebenza nzima kubonakele: Uphumelele ibanga leshumi emagqabini, ephumelela ngeeDistinctions kwizifundo ezintandathu kwizifundo ezisixhenxe ebezenza ngonyaka ka 2022.  

UElizabeth ubengumfundi ogqwesileyo kwisifundo seHistory kwiimviwo zonyaka ka2022 – ufumene umyinge wekhulu ekhulwini kwesisifundo. Uwongwe ngesatifiketi sokugqwesa ngumphathiswa wesebe lezemfundo kwiphondo laseRhawutini uMEC Matome Chiloane. 

Ngoku uzakuphothula izifundo zakhe kwicandelo ekudala ephupha ngalo. “Ndifuna ukuba ligqwetha,” uxelele iqonga leendaba iScrolla.Africa.

“Andifuni kulwela abophuli mthetho, kodwa ndifuna ukunika ithuba kubantu abasweleyo abangakwaziyo ukufumana amagqwetha ukuze bafumane ubulungiswa.

“Sinabantu abaninzi abangeka fumani kuxola malunga nokwenzeka kumatyala abawabhalisa emagunyeni eli, kuba babengenayo imali yokubhatala amagqwetha.”

“Iyophuka intliziyo yam xa ndibona amaxhoba angakhange ancedwe yinkonzo yobulungiswa ekuhlaleni. Ndifuna ukunceda abantu abanjalo,” utshilo

Iqonga leendaba iScrolla.Africa lityelele uElizabeth kwikhaya lakhe elinegumbi elinye eDiepsloot extension3, apho achitha ubusuku nemini efunda. Lendlu inebhokisi enkulu egcwele iincwadi, iibhedi ezimbini, eyakhe neka dade wabo omncinci.                                                                          

Kwindlu engaphesheya kule yakhe, kuhlala umakazi wakhe, obesoloko emgadile ukusukela oko kwasweleka umama wakhe. “Eli ligumbi lam. Ndilala apha kunye nodade wethu omncinci ,” utshilo. 

Kumaxesha amaninzi kwakunyanzeleka alinde udade wabo omncinci alale ukuze afumane ixesha lokuba akwazi ukuqwalaselisa iincwadi zakhe. “Ngamanye amaxesha, ndandikhetha ukuya esikolweni ndiyofunda nabanye abantwana.”

Uthe ukufunda esikolweni ebusuku yingozi kuba inkqubo yokucinywa kombane ingamiliselwa kungakhange kwenziwe simemezelo. Xa kusenzeka lonto, ithetha ukuba kumnyama ezindleleni akanokwazi ukugoduka. 

“Ebumnyameni awazi nokuba ngubani onodibana naye endleleni, ungadibana nazo nezikrelemnqa ezinobungozi.”

IDiepsloot yenye yeendawo ezinobungozi kakhulu kweli, apho ulwaphulo mthetho lukwinqanaba eliphezulu. 

UElizabeth uthe ngaphandle kwayo yonke imiceli mingeni ebejamelene nayo, ukwazile ukuziphatha, wasebenza nzima esenza umsebenzi wesikolo.

Isebe lezemfundo limnike inkxaso mali yokuba aqhube nezifundo zakhe. “Ndonwabile kwaye liyandonwabisa nelithuba lihle kangaka ndilifumeneyo,” utshilo. 

Ngoku imiceli mingeni ajamelene nayo kukufumana iKhomputha eyi Laptop, Umnxeba kunye nesixhobo sokungena emnatheni iWiFi router, kwaye ucela nabanina onentliziyo elungileyo amncede.

Umfanekiso ongasentla: NguElizabeth Moloko

Imvelaphi yomfanekiso: Ngu Everson Luhanga