
Iliso lendlovu: USousa Jamba uthi umboniso bhanyabhanya omalunga nobugqi uvuselele ukuthakatha kwilizwe laseAngola
“Ukuba umtyholi ebenokubuya eze ehlabathini” kutsho umfundisi evutha ngumsindo, “Indibano yonondaba ingakwi DSTV!”. Le yintetho yomfundisi waseAngola ovuthayo ngumsindo kushicelelo lomboniso egxeka umdlalo kamabona kude wobugqi kwiDSTV.
Ukanti ayingomfundisi kuphela ophume etshatshalazeni ngokuchasene nalo mdlalo. Nezinye iinkokheli zaseAngola zikhathazekile kukuhonjiswa kobugqi ngelithi oku kuzakonakalisa ilizwe.
Ayonto ivamileyo ukuba umdlalo ongeyonyani ucaphukise abemi baseAngola. Ngethuba ndandihlala kumbindi waseAngola kwiminyaka emithandathu eyadlulayo, amabali obugqi ayenganqabanga kwiincoko zoluntu.
Ndatsho ndakhumbula ibali le tyendyana elalinekratshi lingabahloniphi abantu abadala, elaleqwa yingonyama eliyibona lodwa kuphela. Kuthwa abantu abadala basebenzisa ubugqi ukuze bamenze abone ingonyama eyayinkulu ngokumangalisayo.
Izihlobo zelityendyana zamsa kwixhwele uKimbandeiro – elamnika amayeza akhethekileyo, lathi makenze umcimbi – oquka ukuxolisa kwizinyanya.
Kwidolophu ekufutshane yaseBailundo, kwakukho ingingqi eyayinomzi owawusoloko utyelelwa ziintombi ezintle ezisuka eBenguela nditsho nase Lubango.
Kwathi kanti, babezokubona ixhwele elalisaziwa ngokubanawo onke amayeza wokubanceda bafumane amadoda azizityebi; eli xhwele latyeba de lanomshini wokufunda amakhadi weebhanki.
Ibali lithi elixhwele latyeba kakhulu de latshata negqiyazana elalize kufuna indoda esisityebi. Unkosikazi walo, owagxothwayo, wayenolwazana ngamayeza wazivulela ibandla. Ekugqibeleni intombi enyulu uMariya weza kuye wamyalela ukuba badibane phezu kwentaba iLumbaganda.
Abalandeli bakhe babefumana amadoda aneemali, amadoda abo enyuselwa nase misebenzini de abanye bathenga nezithuthuthu.
Ababefundisi bacatshukiswa ngulo mdlalo uqwalasela ubugqwirha bathi okona kucaphukisayo kukuba amaxhwele azakukhuphisana nabo.
Kwiicawa ezininzi eAngola abefundisi bathi abo babalandelayo kwaye babhatala izishumi zabo ngaphandle kwemibuzo bazakubuyekezwa ngeemoto zikanokutsho, ukunyuselwa emisebenzini, abayeni kunye neemali ezinkulu kwiibhanki zabo.
Omnye wabalinganiswa abaphambili kulomboniso, nguCharlesbois Poity, owayeyititshala eFrance engowaseCongo ngokuzalwa.
Kurhanelwa ukuba lelona xhwele linobugqirha lidumileyo eAngola; udla ngokuvela kumbona kude kunye nakwinkqubo zika nomathotholo. Unamayeza ahamba phambili ukuzisa ubutyebi, uthando kunye nokusombulula iingxaki zasekamereni kotata.
UPoity uthengisa amayeza akhe kwizikhululo zika nomathotholo ezininzi. Ukudlala kumboniso bhanya bhanya indima yokuba lixhwele lishishini elihle kakhulu. Abanye abefundisi abakwazi kukunyamezela oku.
Akukho nosuku olunye oludlulayo kungakhange kubekho bali elimalunga nentakatho kwiindaba zelizwe iAngola.
Ngenye imini kwisixeko saseNamibe, owasetyhini wathathwa wasiwa eluvalelweni lwamapolisa emva kokuba abamelwane bambona ejika abeyinyoka. Elinye inina lephondo iLunda, labhengeza ukuba ixhwele limcele ukuba anikele ngomnye wabantu asondelene nabo, ukuze ahlale etshatile nomyeni wakhe, bangohlukani.
Kwidolophu yam, kukhona ibali lomama owawayo esuka ezulwini ( kodwa wangalimali), emva kokuba inqwelo yemveli ebehamba ngayo emoyeni yaphelelwa ngamafutha emveli. Kumdlalo webhola ekhatywayo, kwafunyanwa amanqina enkukhu kufuphi neepali, nalapho kukholelwa ukuba unozinti wajika wayinkukhu ngexesha lokukhatywa kwebhola zama penathi.
Lamabali, asoloko elandelwa ziingxoxo ezigxininisa ukungaqheleki kweli lizwe laseAngola. Ukanti likwangumhlaba ochumileyo kubefundisi abathembisa ngokuba bazakuziphelisa ubugqwirha.
Ndakhe ndatyelela kwilali yelizwe laseAngola ebizwa iGoshen. Ebhayibhileni, lo yayingumhlaba owanikezelwa kumaYuda nguFaro, yayingumhlaba ongcwele.
Umfundisi wecawa Apostolic church kwilali iMombolo undixelele ukuba wagqiba ekubeni aziqalele iGoshen Village, kuba ufuna ukuba kwindawo apho kungekho bantu bakholelwa kwintakatho.
Lelali yakhula ngokukhawuleza. Noxa kunjalo yayikhona imiceli mingeni emikhulu: amanye amadoda angamalungu amadala aqalisa ukulwela izikhundla kulelali ingcwele. Abanye babo babengakwazi kunyamezela bamkele ukuba abafakwanga kuluhlu lwaba dikoni,
Amatyala okusebenzisa ubuthi aqala kwathethwa ngawo, kwaye lelali yalahlekelwa bubumsulwa bayo!