Izenzo zokulunga ziphantse zalivuselela ithemba eluntwini

Incwadi evela eLimpopo: Ukutshayiswa ngumqhubi wemoto iGTI kumenze wangcangcazela luloyiko uThabiso Sekhula. 

Obu bomi buza neenkathazo, nalapho xa sithe sazibhaqa sijamelene neemeko ezisenza singakhululeki singabantu siye sibenobukrwada singayazi nemasiyilindele.

Ndithe xa ndigaxeleka engozini yemoto ndihamba nabantwana bam kuleveki, ndaziva ndinoloyiko kwaye nomsindo wangenelela.  

Ndingachaza ndithi, umqhubi wohlobo lwemoto iGTI ubesenza amatshamba kwisikhululo sokufaka amafutha emoto. Mna besendigqibile ndiphuma nabantwana bam sizakungena kwivenkile yokutya ekufuphi iMacDonalds. Kwangolusuku sasithuthela kwikhaya lethu elitsha eTzaneen.

Kwindawo endandiphuma kuyo, yayingumzila omnye kuphela, kodwa umqhubi wesithuthi sesibini watyhala wazakungena emotweni yam. Inkcaza yakhe wathi ubecinga imoto yakhe izokwazi ukudlula kule yam, etsho ngokuzithemba okukhulu, oku kwabantu abaqhuba imoto yakwaVW.

Konke oku kwenzeka ngokukhawuleza, ndakhawuleza ndayibamba imoto, ndakwazi ukusisindisa kwingozi ehlasimlisa umzimba, nangona zathi zangquzulana izithuthi ngakwicala levili lomqhubi. 

Ingqondo yam yandixelela ukuba ndiqale ndijonge abantwana ukuba bakhuselekile kusini na, apho kukhona omncinci kubo oneminyaka emithathu. Akukho nomnye kuthi owafumana ukonzakala nangona imoto yam eyomeleleyo iKia yafumana ukukrweleka okuncinane. Noxa kunjalo lomonakalo uzakundityabula iR15,000 ukuwulungisa kuba kunyanzelekile nditshintshe ibhampa kuba ayilungiswa. Kodwa ukuba ucinga imoto yam yonakele, linda ubone eyomnye umqhubi. 

Kodwa eyona nto ithe yabalasela ibingengomothuko okanye amaxabiso axhomileyo. Kona kona ngaphandle nje kwesisiganeko yonke enye into ibimangalisa. Umqhubi, mna kunye nabanye abantu abazibonele ngamehlo sivumelene ukuba ibinguye ongenzanga kakuhle. Ngaphezu koko, usinike into yokuhleka: kuba kwimizuzwana ngaphambi kwesisiganeko, enye imoto yakwa VW itsho ngesandi esikhulukazi esijikise iintloko zabantu bonke egaraji. Imizuzwana emva koko nasi esinye sakwa VW singena emotweni yam. 

Ngethuba lesisiganeko, elinye inina lindincede ngokundigcinela abantwana bam kude kuhle umothuko ngelixa unogada wagaraji leyo etsalele amapolisa umnxeba. Abanye obhuti abomeleleyo baqinisekisile ukuba bazakuba ngamangqina akuba lomqhubi undinika ingxaki, xandisenza ibango kwinkampani yeInsurance.  

Ngethuba sihleli sonke silinde amapolisa, abahlobo bomqhubi bafike neziselo ezibandayo, kuba kuseMzantsi apha, uyalinda. Kuthe kupheka iiyure ezimbini sabe singabahlobo sonke.  

Amapolisa ebenobubele, kwaye ivantyi yawo ide yafika ngaphandle komgaqo othi abayi kwindawo yexhwayelo ngaphandle kokuba kukhona umntu oswelekileyo. 

Bezincinci zonke ezi zinto, kodwa nabantwana ababini la ngozi ngeyothusile kusapho lwam njengoko sikhe sabona amatyeli amaninzi ngaphambili. Abantu baseTzaneen baqinisekisile siyayihleka le ngozi, ibingafanelekanga ukwenzeka; kuyafuneka sikhe sincokole ngeemoto zakwaVW ngenye imini.

Umqhubi yena unoxanduva lokufaka ibango kwinkampani ye Insurance yakhe, ukuze kulungiswe imoto yam, kwaye lizakuvuseleka ithemba lam ebantwini.