Itshone kwisiziba esinobungozi indoda yaKwaZulu Natal 

Ngu Lungi Langa

Umgodi wenkwali ongasebenziyo ubengumthombo wesiqabu kubahlali baseNseleni, ababedada kuwo bengenalwazi lobungozi obungaphantsi kwawo. 

Njengoko aqhubeka nokunyuka amazinga obushushu kumMzantsi Afrika wonke, kuvele umboniso oshicilelweyo wabahlali abangena bephuma kwelidama, esele kunethuba belisebenzisa njengendawo yokudada ukusukela ngenyanga yeNkanga kunyaka ophelileyo. 

Ngentseni yangoLwesihlanu kukhutshwe umzimba wendoda eneminyaka engamashumi amane anesibini, uNdoda Mthethwa, obetshone kwelidama ngoLwesine.

Umninawa kaMthethwa, uNathi Manqele oneminyaka engamashumi amane ananye uthe basothukile, wongeza ngelithi uMthethwa ebefika evela eRichads Bay, apho ubesebenza imisebenzinzi eyahlukeneyo efana nokuhlamba nokugada iimoto ngethuba ebona abantu edamini wabona ukuba makabe yinxalenye yabo.  

“Ubeqala ukuza kwelidama kwaye ebesokoloko ezibuza ukuba kwenzeka ntoni kulo ukuze ahambe ayolibona. Ngelishwa khange abuye,” utshilo uManqele.

ULwazi Mpanza oneminyaka elishumi elinesibhozo, ongumxhasi wendawo yokudada iNseleni Swimming pool uxelele iqonga leendaba iScrolla.Africa ukuba oko babe dada  kulendawo ukusukela ngenyanga  yeNkanga kunyaka ophelileyo kwaye bebekholelwa ukuba ikhuselekile.

“Xa abantu bengakwazi ukudada siyabanceda, sibanceda sibakhuthaze ukuba mabadadele kufutshane nendawo yokuphuma. Zange kubekhona mntu utshonayo oko saqala ukudada,” utshilo uMpanza.

UProfessor Anja du Plessis weDyunivesithi yoMzantsi Afrika (Unisa), uthe amanzi alenkwali adinga ukuba ahlolwe ngokukhawuleza. 

UDu Plessis uthe inkwali iyakwazi ukukhupha ityefu ebivaleleke ematyeni iphumele ngaphandle kumanzi aphantsi komhlaba, kwaye oku kungenza amanzi abenobungozi. 

“IKhemikhali ezifana ne Iron, iAluminium kunye ne sulphates zingakwazi ukuphumela kumanzi aphantsi komhlaba ziwenze abe nobungozi ukuba athe atyiwa. Zonke ezizinto kunye nezinye ezingabalwanga ziyingozi enkulu kwimpilo yomntu,” uxelele iqonga leendaba iScrolla.Africa.

Ukuma kwalamanzi angahambi kungenzeka kuthetha ukuba anentsholongwane ezifana ne E.coli unye ne legionella phakathi kwezinye ezinokuba khona, ezinokwenza abantu bagule. 

Itshantliziyo lokusingqongileyo, nongumququzeleli wamaphulo enkampani iGroundWork, uRico Euripiduo uthe, nangona lemeko ikhathaza, kodwa eyonanto kufanele ikhathaze ngakumbi bubungozi balenkwali, njengoko yayiyindawo yemveliso.

“Imigodi engasasebenziyo kunye neenkwali zindawo ezinobungozi kakhulu, kwaye ingxelo kwihlabathi liphela ibonisa iziganeko zokufa kwabantu kwezindawo zixhaphakile.

“Kumaxesha amaninzi oku kwenzeka kuba lemigodi okanye iinkwali zilahlwe ngabanikazi bazo, kwaye akukhomali yokuqinisekisa ukhuseleko oluzaku phelisa iingozi eziloluhlobo,” utshilo uEuripidou.

Inkokheli yomthonyama uMfokazi Dube uthe sekulithuba becela umasipala ukuba afunxe lamanzi, emva kokuba inkampani ebisebenza kwesisiza ihambile kwisithuba sonyaka ophelileyo, kodwa esisicelo sifikelela kwindlebe ezingevayo. 

Uthe xa etsalelwa umnxeba ngoLwesine, uCllr Musa Mthethwa uqinisekisile ngokutshona komntu kodwa wacela ukuba atsalelwe umnxeba kamva, kodwa uvele wayeka ukuphendula umnxeba xa etsalelwa okanye ebhalelwa umyalezo.

Noxa kunjalo, ukutshona kwabantu ayikokuphela kobungozi obukhoyo apha. Lamanzi kwakuthiwe anganabo ubungozi kuye nabani na ongena kuwo. 

Umfanekiso ongasentla: Badela izilumkiso zenkokheli abantu beze kuzipholisa ngamanzi edama iNseleni pool. 

Imvelaphi yomfaneksio: Ikhasi lika Facebook eZaseNseleni kuphela facebook page