
Ngu Zukile Majova
Kwinyanga ephelileyo uPaul Mashatile wonyulwa njengosekela mongameli weANC, kungoku nje umongameli uCyril Ramaphosa uphantsi koxinizelelo lokuba uzakumfaka kwesiphi isikhundla uMashatile.
Ayomfihlo into yokuba akukho nomnye kwiqela elixhasa uRamaphosa ofuna uMashatile kwisikhundla esinamandla ngohlobo lwesikhundla sika sekela mongameli. Kodwa okwangoku usekela mongameli uMabuza usenawo umsebenzi.
Usekela mongameli ibanguye oxhuzula imikhala okwethutyana kwisikhundla sika mongameli, xa umongameli engekho okanye erhoxisiwe kwi ofisi yakhe.
Le ayongxaki inokubekelwa bucala nguRamaphosa, njengoko elungiselela uhlenga hlengiso olumandla kwisigqeba sakhe, olulindeleke kwiiveki ezizayo.
Ukusilela kukaRamaphosa ukuthatha isigqibo kwabangela uMashatile afumane impumelelo eqinisekisiweyo kwinkomfa yamashumi amahlanu anesihlanu yombutho weANC.
URamaphosa wavumela abaxhasi bakhe ababini uRonald Lamola no Oscar Mabuyane ukuba bagqatselwe kwisikhundla sika sekela mongameli.
Nto leyo yabangela iyantlukwano kubaxhasi bakhe ababezimase le nkomfa, wafumana impumelelo engagungqiyo uMashatile.
Ngoku umbuzo umile uthi: Uzakususwa njani okanye kohluthwe amandla anawo ngokwesihlalo?
URamaphosa akanaqhinga limbi ngaphandle kokuba athobele umthetho othi usekela mongameli kufanele abelilungu lepalamente, kwaye kufuneka onyuliwe ukuze abe lilungu.
Imithombo ethembekileyo esondeleyo kuMashatile ixelele iqonga leendaba iScrolla.Africa ukuba le nkokheli yaseAlex ikwiphulo lokuba ngusekela mongameli, ijonge nokuba iphele sele ungumongameli weli.
Kusenjalo kukhona inkolelo yokuba isiganeko esenzeka kwiFama kaRamaphosa iPhala Phala, sikhulu kakhulu ukuba singanyathelwa ngenyawo kwaye ingayeyona nto inokwehlisa ubungangamsha bukaRamaphosa kuleofisi.
Kule veki amalungu ekomiti elawulayo yombutho weANC (iNEC) athe alindele ukuba amalungu angamashumi asibhozo anesixhenxe eNEC adibane ukuxoxa malunga namagama abaphathiswa namasekela wabo abazakuba yinxalenye yesigqeba sika mongameli.
URamaphosa owaziwa ngokuthanda ukukhokhela ngokuvumelana, akalindelekanga ukuba anyanzelise ukuzonyulela isigqeba sakhe.
Okokuqala nje, uMashatile owayekhe wabalulwa ngokunxulumene nokulahleka kwemali efikelele ku1.6 billion yeeRandi eyanyamalalayo eyayilungiselelwe uphuhliso lwaseAlex, umsulwa ngoku akukho matyala matsha orhwaphilizo ayanyaniswa nawo.
Njengosekela mongameli wombutho weANC, uMashatile uwelwe ngumqa esandleni wokuba ilifa losihlalo wekomiti ejonge ukwabiwa kwezihlalo kumbutho weANC ikhokhelwe nguye.
Le komiti ichonga amalungu alombutho ekufuneka ebekwe kwizihlalo zikarhulumente weli.
Kwangoku, sele eqalile uMashatile ngokukhokhela iinzame zokuba umphathiswa okwi-ofisi kaMongameli uMondli Gungubele, atshintshwe kungene lowo wayesaya kuba yinkulu baphathiswa yephondo laseRhawutini uDavid Makhura.
Ezi zezinye zezihlalo ekulindeleke ukuba zichaphazeleke kuhlengahlengiso lwesigqeba sika mongameli:
· Umphathiswa wamaqumrhu karhulumente – uPravin Gordan – [Zange afumane nkxasi yaneleyo kwinkomfa kwaye unobunkenenkene ngokwempilo]
· Umphathiswa wesebe lorhulumento ngentsebenziswano kunye nemicimbi yemveli – Unkosazana Dlamini Zuma – [ Ngenxa yokungavisisani ngokwezopolitiko nomongameli]
· Umphathiswa wesebe lezotyelelo – ULindiwe Sisulu – [Ngenxa yokungavisisani ngokwezopolitiko no mongameli]
· Umphathiswa wesebe elijongene nokuhanjiswa kwenkonzo zikarhulumente kunye nolawulo – Uayanda Dlodlo – [Esisihlalo sasala singenamntu emva kokuba uDlodlo wachongwa ukuba axelenge kwiWorld Bank]
· Umphathiswa wesebe lezothutho – UFikile Mbalula – [esisihlalo sasala singenamntu emva kokuba uMbalula wonyulwa abe ngunobhala jikelele wombutho weANC]
Ekugqibeleni esona sigqibo sinzima kuRamaphosa kukuba uMashatile uzakuba yinxalenye yesigqeba sakhe, akhuphe konke okwenzeka ngaphakathi okanye uzakumvalela ngaphandle akrobe kuba efuna ukwazi okwenzeka ngaphakathi.
Umfanekiso ongasentle: USekela mongameli wombutho weANC uPaul Mashatile
Imvelaphi yomfanekiso: @OfficialNtokozo