IIntonga zobuchwepheshe zincedisa abangaboniyo

Ngu Dalphine Tagwireyi

UBlessings Ncube wasePlumtree, kumazantsi eMatabeleland, wakhula ebona ubunzima umakhulu wakhe awayejamelene nabo ngenxa yokungaboni, njengoko abantu babembela.

Oku kwamkhuthaza ukuba asebenzise icwecwe leCD eyophukileyo ukuba akhe iintonga ezisebenzisa ilanga nobuchwepheshe balemihla, ezincedisa abantu abangaboniyo. 

Imveliso yakhe wayibiza ngokuba yi “The Keeper”.

“Ezintonga ndizenze ngeKhompuyutha ukuze zikwazi ukuva iindawo ezonodaka, ezinamatye, imingxunya kwaye zive nezinto ezihambayo ezinokuphazamisa endleleni zisekumgama ofikelele kwimitha ezilikhulu. Ukanti izinto ezimileyo endleleni zona iziva zikumgama wemitha ezintlanu”. 

“Ndizenze ukuba zibenayo indlela yokuthetha, kwaye zisebenzisane neeGoogle Maps ezisebenzisa umnatha. Le ntonga iqokelela zonke iimpawu zomntu osondela kumsebenzisi wayo isebenzisa ubuchwepheshe obujonga amathambo nendlela yokuhamba,” uxelele iqonga leendaba iScrolla.Africa. 

“Le yindlela ezohlula ngayo umntu kwizilwanyana. Ukanti konke oku kwenzeka kumgama obude bulingana nemitha ezimbini ukusuka kumsebenzisi walentonga. Emva kokuba ibambe zonke iimpawu ezidingekayo iyazigcina”.

UNcube oneminyaka engamashumi amabini uthe, wayexakwe yindlela abantu gabalala, kunye nezihlobo ababaphatha ngayo abantu abangaboniyo, bebaxhaphaza. 

“Ndandisoloko ndinqwenela ukuba kubekhona into endinokuyenza ngale meko. Emva kokubona bantu besiba izityalo zikamakhulu wam, ndakhula ndizixelela ukuba noxa ndingenokwazi ukumenza abone kwakhona, ndizakumnceda,” utshilo uNcube.

“Ngelishwa umakhulu wam wasweleka engakwazanga ukuba ayisebenzise lentonga,” utshilo. 

Uthe, nangona iintonga ezisebenzisa ubuchwepheshe balemihla zingena kulunqanda ulwaphulo mthetho olufana nobusela, okungenani ziyakwazi ukugcina impawu zomenzi wobubi. 

“Ndikholelwa ukuba kuninzi ekusafuneka ndikwenzile. Zininzi kakhulu iingxaki ezidinga izisombululo, nangona ndisajamelene nemiceli mngeni malunga nokuphucula ezintonga kunye neminye imibono endinayo, ndonwabile kwaye ndiyawabulela amathuba endinawo.”

Ukanti, uNcube ufumene imbasa iOracle Academy Award ngemveliso yakhe. 

Umfanekiso ongasentla: NguBlessings Ncube

Imvelaphi yomfanekiso: NguBlessings Ncube