Yintshatsheli nkalo zonke uMessi

Ngu Dylan Bettencourt

Ekugqibeleni uLionel Messi ude walifezekisa iphupha lokuphakamisa indebe yehlabathi, kodwa oku akukhange kumvalele ekubeni abe yintshatsheli nangaphandle kwebala lebhola. 

Eligqala lingummi waseArgentina libhengeze ukuba lizimanye nephulo lokunceda abantu abanengxaki yokungaboni kakuhle eEthiopia. 

Ubhengeze oku kumakhasi ezonxibelelwani apho athe usebenzisana nenkampani iOrCam ukuphisa ngezixhobo ezincedisa abemi baseEthiopia abanengxaki yamehlo. Isixhobo senkampani iOrCam My Eye sibenza ngokuncanyatheliswa kwiziboniso zamehlo. Esisixhobo sisebenzisa ubuchwepheshe obuncedisa umntu onengxaki yokungaboni kakuhle akwazi ukufunda, ukubona abantu nezinto. Konke oku ikwenza ngekhamera encinci kunye nobuxhaka xhaka obuhambisa ulwazi. 

Ngonyaka ka2019, esisixhobo sabhengezwa yiTime Magazine njengesona sihamba phambili ngokuphucuka, kwaye ngoku sitsale iliso lomdlali webhola ekhatywayo oqaqambileyo kwihlabathi liphela. 

UMessi owaziwa ngobuntu, uzakuncedisa ukuqubisana nomnye wemiceli mingeni yempilo engundoqo kwilizwe laseAfrika. Umyinge ka1.18% kuluntu lwaseEthiopia lunengxaki ezihambelana namehlo, itshilo ingxelo yeBBC.

Xakuthelekiswa nelizwe loMzantsi Afrika, kweli ngabantu abangumyinge ka0.75% abanengxaki yokungaboni. 

Ukanti isixhobo ngasinye seOrCam My Eye sixabisa imali efikelele kumawaka angamashumi asixhenxe eeRandi. Kukholelwa ukuba uMessi uzakuphisa ngesixa senani elikhulu lesisixhobo, ukunceda abo badingayo. 

Bekungalula ukulibala ngabantu abangathathi ntweni emva kokuba yintshatsheli yehlabathi, kodwa uMessi wenze okuchaseneyo noko wabakhumbula. 

Ukuthobeka nobuntu zezona zinto akhunjulwa ngazo lo mdlali, kwaye yonke imizamo yakhe ebaleni kuquka nemisebenzi yakhe ngaphandle kwebala lemidlalo izakumnika ilifa langonaphakade.

Umfanekiso ongasentla: NguLionel Messi 

Imvelaphi yomfanekiso: Sports Mole