Makungasetyenzwa ngoLwesihlanu! Lutsho uphando

Iveki enentsuku ezine zokusebenza ibonakala inemveliso engcono kuneveki enentsuku ezintlanu, ngokokutsho kwenzululwazi ezenze uphando iinyanga ezintandathu ukusukela ngenyanga yomdumba kunyaka ophelileyo. Oluphando lwenziwe njenge nxalenye yephulo lokunciphisa iintsuku zeveki zokusebenza, lisilwela iveki enentsuku ezine.

Njenge nxalenye yoluphando luthathe isiqingatha sonyaka, abaphathi beenkampani ezingamashumi amathathu anesithathu, ezinabasebenzi kumazwe amathandathu bawunciphisa umsebenzi wabasebenzi babo walingana iintsuku ezine, okanye iiyure ezingamashumi amathathu anesibini ngeveki.

Injongo yayikukufumanisa ukuba abasebenzi bangakwazi na ukuzimisela bavelise iziphumo ezifikelela kumyinge wamashumi asibhozo ngelixesha, ngethuba besamkela imali efanayo nexesha langaphambili.

Iziphumo zophando lwenyanga ezintandathu zabonakalisa iziphumo ezihle ngokothusayo, litshilo iqumrhu elingenzi ngeniso i4 Day Week Global. Iinkampani ebeziyinxalenye yalenkqubo zixele ukuba ingeniso yazo inyukile, kwaye oku kuphucule impilo yabasebenzi nendlela abenza ngayo izinto, kwaye oku kubeneempembelelo ezintle nakokusingqongileyo.

UOrla Kelly, oligosa lelokusingqongileyo kwidyunivesithi iUniversity College Dublin yaseIreland, obekhokhele oluphando, uthe iveki emfutshane yokusebenza inceda abantu benze izigqibo ezihambisana nokusingqongileyo.

“Xa abantu besebenza iiyure ezininzi, bazibona bengena kwisimilo sokusebenza benga jonganga nenkcitho, apho indlela zenkcithoo ziya zisonyuka,” utshilo.

Kuyabonakala, impendulo ithi: Buluqilima ubungqina bokuba umphathi wakho kufanele akunike uLwesihlanu okanye uMvulo ungasebenzi, ukuze akwazi ukubona ingeniso inyuka.

Ngamanye amaxesha, awukwazi ukuphikisana nenzululwazi!

Iqulunqwe ngu Mashudu Mabila

Umfanekiso ongasentla: IOfisi zenkampani

Imvelaphi yomfanekiso: Inc. Magazine