Lifuna ukushiya umzila ongowalo ilungu leMahotella Queens!

Ngu Doreen Mokgolo

UAyanda “Ntunja” Nkosi olilungu leqela lamagqala omculo iMahotella Queens, uthathe ikhefu kweliqela ngeenjongo zokuba yimvumi ezimeleyo. Kodwa uthi uzakuhlala eyinxalenye yeliqela lidumileyo lasekwa ngonyaka ka 1964. Ukanti eliqela lisele noHilda Tloubatla kuphela kumalungu asisisekelo. 

Lo kaNkosi lelona lungu lincinci kwiqela leMahotella Queens, wazimanya neliqela lomculo wombhaqanga ngonyaka ka2013 emva kokuba eliqela lambona ecula kumsitho elaliwusingathile. 

Ngonyaka ka2020, wakhupha ingoma yakhe yokuqala ethi “Imali”, ngelixa eselilungu leliqela. 

Le ngoma yathandwa kakhulu luluntu de yaba yeyona ngoma ithandwa kakhulu kwiqonga lomculo i-iTunes. 

UNkosi uthe, ngaphambi kokuba abe yinxalenye yeliqela wayesebenza yedwa, kodwa wagqiba kwelokuba azibandakanye neliqela kuba efuna ukufunda kula magqala. 

“Ndaziva ndinethamsanqa ngokuba bandenze ndibe yinxalenye yeqela labo, bandithemba ukuba ndiqhubele phambili ilifa labo lomculo. Ndizakuhlala ndinombulelo ongagungqiyo ngethuba abandinika lona.

“Kule minyaka ilishumi ndifunde ukubaluleka kwentlonipho, ukuthobeka nokwazi ngemvelaphi namasiko ethu.”

Wongeze ngelithi uhambo lwakhe neliqela lumnike ithuba lokutyelela ihlabathi, afunde ngamasiko ohlukeneyo kunye nomculo. 

“Oluhambo lundikhulise kakhulu njengemvumi kwaye ndicinga ukuba kufanelekile ihlabathi lazi kabanzi ngoNtunja,” utshilo.  

“Iqela leMahotella Queens lizakuhlala ilikhaya lam, kodwa eli lithuba lam lokuba ndibonise ihlabathi ukuba ndingubani ngaphandle kweliqela.”

“Ndonwabile kuba kancinci kancinci ndishiya umzila ongowam. Kunyaka ophelileyo ngethuba ndicula eMauritius, ndamenywa ukuba ndiyocula eReunion Island kunye naseFrance kumnyhadala owaziwa ngeFanm-Faular Festival.”

Ngonyaka ka2021, wachongwa kwimbasa zomculo ezihlonipha amanina akwicandelo lomculo, iBasadi in Music Awards, kwisigaba “seBest traditional music”.

Umfanekiso ongasentla: NguAyanda “Ntunja” Nkosi enxibe isinxibo sobukhosi siphelele

Imvelaphi yomfanekiso: Uthunyelwe