Imaxongo imeko yamanzi eNelson Mandela Bay

Ngu Anita Dangazele

Umasipala othwaxwa yimbalela iNelson Mandela Bay Municipality, (NMBM) uqinisekisile ukuba zizakube zigqityiwe iiprojekthi ezilithoba zokuphucula ukuhanjiswa kwamanzi xa kuphela inyanga yoKwindla kunyaka ka2023, ukuqubisana nomcelimngeni wesomiso. 

Ummandla waseNelson Mandela Bay ujamelenne nesona somiso sakhe sanobuzaza kwimbali yezomiso kula masipala. Lo mmandla kwinyanga yesilimela kunyaka ophelileyo wawusengciphekweni wokomelwa ziimpompo zamanzi. 

Ngokusebenzisana nesebe lezamanzi nococeko, lomasipala umbaxa utyale imali efikelele ku1.2-billion yeeRandi ukumilisela amaphulo aliqela okwandisa nokuphucuila unikezelo lwamanzi, kunye namaphulo okuqumbisana nesomiso kwesisixeko. Injongo kukuqubisana nomonakalo obangelwa yimbalela kubahlali, kunye nokusindisa uqoqosho lwesisixeko. 

Umasipala udize ukuba uphucula iziseko zokuhambisa amanzi kwaye wokha iziseko zokuvuna amanzi phantsi komhlaba, ukuncedisana namadama asele etsala ngomxhelo. 

Usodolophu walomasipala uRetief Odendaal uthi eyona project inkulu kwezi yi Nooitgedacht water treatment works, etsalelwa amanzi yiGariep dam ese Free State. 

“Idama lokucoca amanzi iNooitgedacht lihlinzeka ngamanzi afikelele ku70 ml ngosuku okwangoku, kwaye xasele ugqityiwe umsebenzi kulo lizakwazi ukuba lihlinzeke isixeko ngamanzi afikelele ku230 ml ngosuku,” uxelele iqonga leendaba iscrolla.africa. 

Umasipala uqinisekisile ukuba isebe lezamanzi nococeko kuzwelonke, likwinkqubo yokufumana isisombululo sexesha elide kulomcelimngeni. 

Izinga lamanzi kumadama ahlinzeka lomasipala ngamanzi liya lisehla, kwaye ngoku akumyinge ophantsi kakhulu we14.34%. Elona dama likhulu kulo mmandla, Impofu Dam, izinga lamanzi liphantsi kakhulu ngokwembali yalo, lime ku7%, nalapho ingamanzi angaphantsi kuka 1% alungele ukuba angakhiwa. 

Kungoku nje, indawo izikwinduli kummandla weNelson Mandela Bay zezona zichaphazeleke kakhulu kukunqongophala kwamanzi, kuba zinyanzeleka ukuba zifumane amanzi ngamaxesha athile.

UJoseph Tsatsire wecandelo lezamandla nolwakhiwo lweziseko kwesisixeko, ulumkise uluntu ukuba lungothuki xa lubona amanzi engacwenganga, enebala elingaqhelekanga kuba oku kubangelwa kukuba mancinci kwamanzi kovimba bawo. Kodwa ubhengeze ukuba akhuselekile okwangoku. 

“Okwangoku lamanzi akhuselekile ukuba aselwe. Noxa kunjalo, ukuba amadama akhe oma nko, umgangatho wococeko lwamanzi ungehla. Oku kuzakuthethwa ngako xa sele kufike eloxesha,” utshilo uTsatsire.

Ngaxeshanye, uOdendaal uthe isixeko silindele umyalelo osuka kwisebe lezamanzi nokhuseleko, onokwenza ukuba kumiliselwe iinkqubo zokunciphisa kokusetyenziswa kwamanzi. 

“lifikile ilixa ebesililindele, kwaye imeko iseza kuba maxongo. Abahlali kufuneka basebenzise amanzi ngononophelo, amadama ethu ayoma kwaye imeko iya isibambi nangakumbi,” ugqibezele kanjalo. 

Umfanekiso ngasentla: Usodolophu womasipala iNMBM kunye nekhontraka zecandelo lamandla nolwakhiwo lweziseko

Imvelaphi yomfanekiso: NguAnita Dangazele