Bafumana inkxaso abafundi bebanga leshumi abangaphumelelanga!

Ngu Nkhensani Mthombeni

UGqr. Sanele Gamede uzimisele ukusindisa iimpilo zabantu abatsha ngephulo lakhe elithi #MatricUngazibulali, eliqhubayo emva kokukhutshwa kweziphumo zebanga leshumi. 

Ngabafundi abangaphezu kwamakhulu alithoba ebebechophele ukubhala iimviwo zabo zebanga leshumi kunyaka ophelileyo – kwaye elinani lonyuke ngomyinge wesithathu ekhulwini xakuthelekiswa nonyaka ka2021. 

Kwiminyaka emihlanu eyodlulayo, uDr Sanele Gamede wamilisela eliphulo emva kokufumanisa ukuba uninzi lwabafundi abangaliphumelelanga ibanga leshumi, baye bazigqithise amafu ngenxa yokuba beziva behlazekile kwaye bephoxekile. 

Intshisakalo yakhe iphenjelelwa ngamava akhe. Njengomntu omtsha akuzange kubelula kuye ukuphumelela wonke abanga esikolweni. UGamade uthi kwanyanzeleka ukuba aphinde amabanga amabini ngaphambi kokuphumelela ibanga leshumi kwityeli lesithathu. 

Noxa kunjalo, wakwazi ukuqhuba nezifundo zakhe wafumana imfundo enomsila wade wafikelela kwisigaba sokuba nePHD kwizifundo zeCultural and Media Studies. 

UGamede utyelela lonke eli loMzantsi Afrika ekhuthaza abafundi bebanga leshumi ukuba bangaze banikezele ebomini. Ukwakhuthaza nabazali ukuba babathethise abantwana babo xa bengaphumeleli kwizifundo zabo, kodwa babakhuthaze ukuba bazame kwakhona. 

Ngaphandle kokuhamba lonke eli, unalo nekhasi likaFacebook apho, anxibelelana nabafundi bebanga leshumi kunye nabazali.  

USinqobile Mkhwanazi, ozimanye neliphulo kutsha nje uxelele iqonga leendaba iScrolla.Africa ukuba eliphulo linika ithemba kulutsha oluphelelwe lithemba. 

UMkhwanazi naye womeleza abanye ngentlungu yakhe yokungaphumeleli izihlandlo ezithathu kwisikolo samabanga aphezulu. Kungoku nje uhlohla kwiziko lemfundo ephakamileyo. 

USbudere Maluere waseTembisa, wabhala iimviwo zebanga leshumi ngonyaka ka2021 kodwa zange aphumelele ngendlela eyonelisayo. 

Waxelelwa ngumfowabo ngeliphulo, awagqiba kwelokuba azimanye nalo. Wafumana ukolulekwa ngokwengqondo, wakhuthazwa ukuba abhale iimviwo zakhe kwakhona, emva koko waphumelela emagqabini. 

Ngokwe ngxelo yequmrhu iSouth African Society of Psychiatrists, ngumyinge ofikele kumashumi amabini wabafundi bebanga leshumi esele bezame ukuzibulala. 

Iingxelo zithi kwishumi ngalinye labantu abatsha abaswelekayo minyaka le eMzantsi Afrika, omnye kubo usweleka ngenxa yokuthatha ubomi bakhe. Ukufumana uncedo, tsalela lomnxeba iSuicide Crisis Line ku0800 567 567.

Umfanekiso ongasentla: Ngu Gqr Sanele Gamede

Imvelaphi yomfanekiso: Uthunyelwe