
Ngu Khaya Ndaba
Abahlali befama elima iziqhamo, iWalkers Fruit Farm, balele ngoloyiko njengoko ingwe egama lingu Sheba ibizula zula kulommandla, izimela ematyholweni kumazantsi esixeko saseJohannesburg.
Kodwa indoda ebonakalise ukuhlakanipha ibijongene ngezikhondo zamehlo nalengwe ineminyaka esibhozo ngoMvulo.
“Bendigodusa imfuyo yam ivela emadlelweni ngethuba ndisiva owasetyhini ekhwaza ecela uncedo,” lo malusi uyinzalelwane yaseMalawi uxelele iqonga leendaba iScrolla.Africa.
“Ndithe ndakuphanda ukuba yintoni ingxaki ndafika lo wasetyhini ehlaselwa yingwe.”
Le ndodwa ibonakalise ukuhlakanipha, icele ukuba ingadizwa, kunye namalungu asekuhlaleni ambalwa bakwazile ukulwa nalengwe besebenzisa iintonga namatye, ezithe zayinyanzelisa ukuba ibaleke iyozimela kumatyholo akufutshane.
Emva kokulwisana nalengwe, lo malusi uye kumnikazi walengwe wamazisa ukuba ingwe yakhe iphuncukile, kwaye kufuneka betsalele amapolisa umnxeba bawazise ngoku.
Omnye wabantu abayibonile, uSolomon Lesia oqokelela iiplastiki uthe: “Ndifumene ulwazi ngale ngwe ngoLwesibini, njengoko nibona ukuba ndisemahlathini ndikhangela iibhotile. Ndixhalabile, ndixhalabe kakhulu ngokhuseleko lwam, kodwa kufuneka ndisebenzile ukuze ndikwazi ukubeka into efafileni.”
Uthe nangona esengozini, eyona nkxalabo yam kukubeka ukutya etafileni ndilungiselela usapho lwam.
Le ngwe ibanjiwe ngentseni yangoLwesithathu, ngoncedo lwenkampani yabucala kunye nabasemagunyeni. Ibisele ihambe yafikelela kwindawo zabahlali eziquka iMarikana Scelo, iJantin, iWalkers Fruit Farm kunye ne Walkerville.
Umnikazi walengwe uRassie Erusmus, walile ukunika impendulo malunga nokweqa kwalengwe.
Noxa kunjalo, amapolisa aqinisekisile ukuba umnikazi wale ngwe, akasiphikisanga isiqgibo sokuba ibulawe lengwe.
Umfanekiso ongasentla: Umalusi weenkomo emahlahleni apho ingwe ibalekelo khona
Imvelaphi yomfanekiso: NguKhaya Ndaba