Nemeko yezimali ayinakuma phambi kweqela leSundowns 

Ngu Micheal Madyira

Uninzi lwabantu lukholelwa ukuba impumelelo yeqela laMasandawana kwimidlalo yePremier Soccer League ibangelwa yinkcubeko yemigaqo nkqubo esetyenziswa kutshintshiselwano lwabadlali kweliqela. 

Kwiminyaka edlulileyo, eliqela lipheke abadlali abangenalusini, abongameleyo kwimidlao yebhola ekhatywayo yasekuhlaleni ngaphandle kokuphikiswa. Inkqubo egqibeleleyo yokukhangela abadlali ekhokhelwe ngulowo wayesakuba ngumdlali weliqela, you uEsrom Nyandoro, utyeleli ihlabathi jikelele enjonga abadlali abanokuthengwa leliqela, kuzeneziphumo zokuba lityikitye abadlali abangadanisiyo kwaphela. 

Iqela leBrazilians libenayo nenyhweba yokuthatha umhlalaphantsi okanye batshintshise ngabadlali abadlalayo abafana noHlopho Keakana, uWayne Arendse, uTiyani Mabunda kunye noRicardo Nascimento. 

Ngaphandle kwamathandabuzo, eliqela linayo imali kwaye liyakwazi ukuyisebenzisa, yilonto liphala phambile ngokomgangatho wabadlali.

Iveki neveki iqela leSundowns liqubisana nabadlali abangundoqo abafumana umonzakalo, kodwa abathothi kwizinga abadl;ala ngalo. 

Ngaxeshanye, baqubisana nemidlalo imininzi apho kufuneka baqinisekise ukwenza ngcono kwimidlalo yasekuhlaleni kunye nemidlalo yendebe iCAF Champions League. 

Oko iqalile iseason zininzi izimemelelo zokuba iPSL imilisele izithintelo ngokwezezimali, kwinkqubo yokuthengwa nokuthemgiswa kwabadlali. 

Ukuba ezizithintelo zither zamiliselwa, iqela leSundowns lizakube linqunyulwe izandla ngokwenkqubo yokuthenga abadlali, umbuzo uthi, ingaba kufanelekile ukuba bohlwaywe ngokomgangatho ophezulu wenkqubo yabo yokuthenga badlali?

Amaqela akhuphisana neliqela iChiefs kunye nePirates adibene namagingxigingxi amaninzi okungafumani badlali ngexesha lentengiso kwisizin ezimbalwa ezidlulileyo, kwaye oku kungoyanyaniswa nokunqongopjhala kwempumelelo yawo ebaleni.  

Kodwa ngaphambi kokuba kuthathelwe ingqalelo iingxoxo ezimalunga nokuhlenga hlengiswa kwezimali zokuthenga abadlali kwindebe yePSL, kukhona imibuzo ekufuneka iphemndulwe.

Ingaba iqela leChiefs kunye nePirates akanawo amandla oneleyo okuba amilisele inkqubo egqibeleleyo yokukhangela badlali ngokufanayo ne Sundowns. 

Ingaba amaqela iChiefs nePirates akanayo imali eyoneleyo ukuba athemge abadlali abaqaqambileyo abazibonakalise kwihlabathi ngokudla kwabo? 

Ngalo lonke ielixesha kukhona amaqela afane Chiefs asebenzisa iqela lokuthenga badlali ngikumema abadlali abadala ukuba babonise isakhono sabo, enze izigqibo kuphela ngokweziphumo azifumene eNaturena. 

Kutshanje uArthur Zwane, ubevavanya umdlali wangaphambile oneminyaka engamashumi amathathu uBalint Bajner, onerekhodi lokohluleka eBorussia Dortmund kwaye esokolo nditsho nakumaqela amancinci. 

Umdali oneminyaka engamshumi amabini anesibhzoz waseMozambique ovala ngasemva uStanley Ratifo zange wadlala kwileague ekumgangatho ophezulu oko waqala ukudlala ibhola ekhatywayo.

Oku kwahluke gabalala kunendlela elenza ngayo iqela leSundowns ilihambe laya kutsho eUruguay labuya noMarcelo Allende, ongumdlali owaziwa lihlabathi waseChile, olandelwa nanguArsene Wenger. 

Ukanti iqela lePirates, libonakala lisenza utshintsho malunga nemigaqo nkqubo yokuthenga abadlali kwelikhefu lenyanga yoMqungu lokuthenga abadlali. 

AmaBuccaneer asele kancinci ukuba atyikitye umdlali wangaphambile uSouaibou Marou obedlalela ilizwe laseCameroon kwindebe yehlabathi iFifa yonyaka ka2022. 

Umfanekiso ongasentla: NguMarcelo Allende

Imvelaphi yomfanekiso: Mamelodi Sundowns