Kufunyenwe imizimba emva konyaka onesiqingatha eTembisa Plaza

Ngu Everson Luhanga

Zingxamele ukuva iziphumo iintsapho zabaphangi abalahleka kwisithuba sonyaka onesiqingatha. Oku kuza emva kokuqhambuka koqhushumbiso lwerhasi kudederhu lwevenkile iTembisa Plaza, njengoko abasemagunyeni befumanise eminye imizimba ngoLwesithathu.

Oludederhu lwevenkile aluka cocwa oko kwaqhambuka izixholoxholo ngenyanga yeKhala ngonyaka ka2021, emva kokuqhushumba kwerhasi. Oluqhushumbo lwabangela umlilo owanwenwela nekwezinye izakhiwo. Abanye abantu bavaleleka kwivenkile yokutya uShoprite batsha bangqongqa. 

NgoLwesibini umhla weshumi elinesithathu ngenyanga yeKhala kunyaka ka2021, Kwalahleka abantu abalishumi elinesithathu kwaye ngabantu abathandathu kuphela abafunyanwayo. Abasixhenxe abangekafunyanwa kulindeleke ukuba ibe ngabo aba bafunyenwe kwesisakhiwo. 

Udederhu lwevenkile iTembisa Plaza yonke isavaliwe oko kwehla esisiganeko, kuba yabhengezwa njengendawo engakhuselekanga. 

Iqonga leendaba tiScrolla.Africa liyalilandelela elinqaku kwindawo yexhwayelo apho amaxhoba aphulukana nobomi bawo. 

Oludederhu lwevenkile luhlala lugadwe ngoonogada abaxhobileyo ubusuku nemini. 

Ngentseni yangoLwesithathu, abantu bebesihla benyuka kulendawo yexhwayelo kuquka amapolisa, inzululwazi kunye nabahlali,

Okwangoku, amajelo eendaba asavalelwe ngaphandle kwesisakhiwo, ngabasemagunyeni kwesisakhiwo kwaye nonogada bayelelwe njalo. 

Umfanekiso ongasentla: iintsalela zevenkile yakwaShoprite eTembisa Plaza

Imvelaphi yomfanekiso: NguEverson Luhanga