
Ngu Everson Luhanga
Ibinguqhu saa kukhala iimbumbulu nkalo zonke phakathi kwamapolisa nabarhanelwa abathandathu ebebezama ukuqweqwedisa iloli ebithwele izixhobo zombane eMidrand ngentseni yangoLwesithathu.
Emva kolungquzulwano, kubhubhe abarhanelwa abane kwindawo yexhwayelo ngelixa ababini kubo befumene ukonzakala okungephi.
Isithethi sokhetshe uColonel Katlego Mogale uthe abasemagunyeni bafumene iinkcukacha malunga neloli ezakuqweqwediswa eMidrand, kwicandelo eliphezulu lolwaphulo mthetho.
“Olulwazi lusebenze emva kokuba kuqatshelwe iimoto zabarhanelwa kumgaqo iOlifantsfontein, eGlen Austin eMidrand.”
“Emva kokuba abarhanelwa beqaphele ukuba amapolisa asondela ngakubo, bayebagalela ngeembumbulu kwisithuthi samapolisa ebesibaleka ngesantya esiphezulu, kwaye kulapho kuqalise khona udubulwano.”
“Abarhanelwa abane badutyulwe basweleka, ngelixa ababini kubo befumene umonzakalo ongephi, bafumana uncedo lwezempilo olukhawulezayo kwindawo yexhwayelo,” utshilo.
Beziliqela iindawo zolwaphulo mthetho zonke zikumgama wekhilomitha ukusuka kwenye ukuyotsho kwenye, apho abarhanelwa bayebarhangqwa ze badutyulwa babulawa abanye babanjwa.
Kuthe emva kokuba ingqongqwe ngamapolisa namanye amagosa ezokhuseleko iloli ebigacelwe ngabarhanelwa, babaleka ngesantya esiphezulu ababarhanelwa ebebehamba ngezithuthi ezintathu ezohlukeneyo.
Esinye isithuthi sabarhanelwa sitshayisene neloli ehambisa ubisi, enye yagaxeleka kwisithuthi sohlobo lweMini bus Taxi ephantsi kwequmrhu iIvory Park Taxi Association. Akukhange kucace nokuba itaxi le ibinabakhweli ngaphakathi kusini na ngethuba lesiganeko. Amapolisa adubule kwisithuthi sesithathu, esinyanzeleke ukuba sime ngxi.
Igqiza leqonga leendaba iScrolla.Africa lifike umrhanelwa omnye osinde koludubulwano ehleli ebotshwe izandla ngasemva kufuphi nomhlobo wakhe odutyulwe wabulawa.
Lomrhanelwa ebethe gqolo eqwalasela abahlobo bakhe abesebenza nabo isithuba esingaphezu kweyure, ngaphambi kokuba kufike isithuthi seER24 ethe yamnika uncedo lokuqala lwezempilo.
Amaqumrhu ezokhuseleko ebeyinxalenye yokuthintela esisiganeko aquka icandelo elikhethekileyo lolwaphulomthetho lamapolisa, iNational Crime Intelligence, iGauteng Traffic saturation Unit, inkampani yonogada iBad Boys kunye namalungu ookhetshe ecandelo leTactical Operations Management.
UMogale uthe kufunyaniswe imipu emibini engekho mthethweni, kwindawo yexhwayelo.
Abarhanelwa kulindeleke ukuba bavele phambi kwenkundla ngokukhawuleza.
Umfanekiso ongasentla: Amakhoba embubulu abekwindawo yexhwayelo
Imvelaphi yomfanekiso: NguEverson Luhanga