Imbambano yamalungu eEFF neANC kunyulo lovalo zikhewu eMsunduzi

Ngu Lungani Zungu

Kuqhambuke ingxwaba ngxwaba ngentseni yangoLwesithathu ngethuba amalungu ombutho weEFF evala indlela yokungena kwisikolo samabanga aphakamileyo iKarina Secondary kwa ward 28 eMsunduzi, ngethuba kuqhuba unyulo lovalo zikhewu olubonakala luphikiswa ngamandla. 

Kuqhambuke umlo phakathi kwamalungu ombutho weEFF kunye neANC ngaphakathi kwesitisthi sokuvota, ngethuba amalungu eEFF etyhola abavoti ngokophula imithetho ngokuncokolelana ngendlela abazakuvota ngayo. 

Lo mlo unqandwe ngamapolisa, kodwa uninzi lwamalungu ombutho weEFF avale isango lokungena, ebanga ngelithi unyulo lovalo zikhewu kwesisikhululo sovoto longanyelwe zizenzo ezigwenxa.

Kwakhona, kwaphantse kwaqhambuka umlo wesibini phakathi kwalamaqela mabini, njengoko amalungu ombutho weANC ebefuna ukungena avote, kodwa amapolisa akhawuleze angenelela. 

“Abanye abantu khange babe nasazela sokophula imithetho, yilonto sigqibe kwelokuba sivale isango lokungena kwesisikhululo sovoto, kude kube oku kuyalungiswa,” utshilo uSthabiso Mkhize olilungu leEFF exelela iqonga leendaba iScrolla.Africa.

UMkhize uthe ukuncokola ngevoti yakho ngaphakathi kwesikhululo sovoto, sisenzo esikhabanayo nemithetho yekomishoni yolonyulo elizimeleyo (IEC). 

Ngabantu abangaphezu kwamakhulu alithoba abebebhalisele ukuvota kwa ward 28 ngokutsho kwe IEC, nto leyo ebangela olunyulo lube lelona luphikiswa ngamandla. Le ward yasala ingena ceba emva kokuba umbutho weDA wanqumamisa ubulungu balowo ebesakuba nguceba wawo uLucky Naicker, owangenela unyulo kule ward njengomgqatswa ozimeleyo. 

Ebutsheni bosuku, umbutho weDA utyhole usodolophu womasipala waseMsunduzi olilungu lombutho weANC, uMzimkhulu Thebolla ngokuphisa ngeepasile zokutya ukuthenga abavoti ukuba bavotele umbutho wakhe. 

UThebolla, okwangusihlalo wombutho weANC kwingingqi yaseMoses Mabida, wabonwa enikisa ngeepasile zokutya kubahlali ngaphambi konyulo lovalo zikhewu. 

Ngelixa, kwa ward 9 bekuyimibhiyozo, amalungu emibutho yeIFP kunye neEFF eyiyizela ngethuba kuqhuba unyulo lovalozikhewu eMtubatuba apho umbutho weANC ivaliweyo ukuba ungabinamgqatswa, kuba lombutho wohlulekile ukuhlawula imali yokubhalisa ngexesha elifanelekileyo. 

Iinzame zombutho weANC zokufaka umgqatswa wayo kuluhlu lwemibutho ezakuvotelwa kolunyulo lovalo zikhewu kwa ward 9 ziphanzile, emva kokuba inkundla yonyulo isikhabile isicelo sokuba ifake umgqatswa wayo. 

Kungoku nje umasipala wasekuhlaleni eMtubatuba ulawulwa ngurhulumente lwendibaniselo weIFP kunye ne EFF, apho usodolophu walomasipala inguMxolisi Mthethwa wombutho weIFP.

I-IEC ithe ngabavoti abangaphezu kwamakhulu ababhalisiweyo ekulindeleke ukuba bambonzeleke kwizikhululo zovoto kwa ward 9, ezivala ngentsimbi yethoba ebusuku. 

UNtombifuthi Masinga, oligosa elijongene nemiba yokuvotisa kwiphondo laseKZN uxelele iqonga leendaba iScrolla.Africa ukuba unyulo lovalozikhewu luhambe kakuhle, khange kubekho miceli mingeni imandla yokungavisisani.  

Iziphumo eziqinisekisiweyo zonyulo kulindeleke ukuba zikhutshwe ngoLwesine.   

Ekuqaleni, bekulindeleke ukuba unyulo lovalo zikhewu lwenzeke kwidolophu ezintathu kwiphondo laKwaZulu Natal, eDannhauser, eMtubatuba kunye naseMsunduzi.

Kamva nje unyulo lovalozikhewu eDannhauser lurhoxiselwe umhla wesibhozo kwinyanga yoKwindla emva kwesithintelo esifakwe ngokwayamene noluhlu lwabavoti. 

Umfanekiso ongasentla: Imbambano phakathi kwamalungu eEFF ne ANC kulonyulo lovalozikhewu eMsunduzi

Imvelaphi yomfanekiso: Uthunyelwe