
Ngu Lungani Zungu
Izigulane kwisibhedlele iBethesda Hospital eMkhanyakude, kumantla ephondo laKwaZulu-Natal, zihleli phantse ngaphandle kwamanzi ukusukela ngoLwesihlanu emva kokuphela kwamanzi.
Izigulane ezinethamsanqa ziziselwa amanzi zintsapho zazo, kodwa uninzi aziwafumani, zinyanzeleka ukuba zilindele iqabaza lamanzi afumaneka xa kuze itanki yamanzi enza ngamaxesha athile.
Ukanti nezindlu zangasese zibole bhutyu kukungabikho kwamanzi okucoca ilindle, ezizindlu azisebenziseki kwaye izigulane kuyanzeleka ukuba zikhangele ndawo imbi yokuzikhulula.
Ngaxeshanye, iibhafu kunye neshower zokuhlamba nazo azisebenziseki.
UThabiso Mkhize, umama wakhe obelaliswe kwesisibhedlele ngenxa yempilo, uthe unyanzelekile ukuba aphathe amanzi ngalo lonke ixesha emndwendwela.
“Le meko ibuhlungu kuba sithumela abantu ezibhedlele ukuze bafumane uncedo lwezempilo, kodwa ngoku kunzima kwa ukufumana amanzi,” utshilo uMkhize.
“Oku akuhambisani nobulungiswa ngakwizigulane ezisokola ukufumana amanzi okusela,” wongeze ngelitshoyo uMkhize ongafunanga kudiza igama likanina kuba enoloyiko lokuhlukumezeka.
UThembi omgomnye wabantu abazofumana uncedo kwesisibhedlele uthe, imeko yalapha ibuhlungu kuye kuquka nabantu abadala abaziswe kwesisibhedlele.
“Ubomi bam bunzima ukusukela ngoLwesihlanu apho sagqibela ukubona amanzi. Kubuhlungu kuba kukhona abannty abadala abadinga ukusela ngalo lonke ixesha ukuze bahlale benamanzi oneleyo emzimbeni,” utshilo uThembi.
Uthe abasebenzi besisibhedlele bayabanika amanzi ngalolonke ixesha kufike itanki ezise amanzi kwesisibhedlele, kodwa uthe akonelanga.
“Zizigulani ezingaphezu kwamakhulu amabini ezikwesisibhedlele, kwaye lamanzi akasoneli sonke,” utshilo uThembi.
Eli ayilotyeli lokuqala esisibhedele sihlangabezana nomceli mngeni wokungabinamanzi.
Ngonyaka ka2018, isibhedlela esihlinzeka ngenkonzo zempilo kubantu abangaphezu kwekhulu lamawaka, sahlaselwa sisomiso.
Emva koko ikumkani yamaZulu uKing Misuzulu KaZwelithini wangenelela, wafumana inkxaso mali ebidingeka ukuba kuqaliswe iProjekhthi yamanzi ngenyanga yeNkanga edlulileyo.
Isithethi sesebe lezempilo uMdu Ncalane uxelele iqonga leendaba iScrolla.Africa ukuba luqhakamshelane nomasipala wesithili uMkhanyakude.
“Sele siqhakamshelene nesibhedlele kwaye sisebenza ngokuzimisela ukuzama ukusombulula lemeko ebangelwa yinqubo yokucinywa kombane eyenzeka kwilizwe lethu,” Utshilo uMdu Dlamini osisithethi somasipala wesithili saseMkhanyakude.
“Njengorhulumente, asikwazi kuvumela ukuba impilo zabantu zibe sesichengeni ngenxa yokungabikho kwamanzi”
Umfanekiso ongasentla: Isibhedlele iBethesda Hospital
Imvelaphi yomfanekiso: Likhasi likaFacebook