UYesu ubuye njenge ndoda enomfazi kwaye uzithandela iti! 

Ngu Everson Luhanga

Indoda ezichaza njengoYesu obuyileyo iseKenya – Kwaye ijika amanzi abe yiti.

Le ndoda egama inguMwalimu Yesu wa Thangole ithi yenza umsebenzi wasezulwini kwaye isikelelwe nguThixo uqobo lwakhe, wamnika umyalelo wokuba ashumayele iindaba ezilungileyo ihlabathi liphela. 

Lo mfundisi  waseKenya ubanga ngelithi nguye indoda yoqobo yaseNazareth, eyabethelelwa emnqamlezweni yafa yavuka. Umohluko phakathi koYesu weminyaka engaphezu kwamawaka amabini eyadlulayo, nalo walemihla kukuba lo ukhoyo wagqiba kwelokuba atshate kwaye abenabantwana abasibhozo. 

“Ndingu Yesu Krestu. Uninzi luyabuza ukuba ndinguKristu ngokwenene na, kwaye ndiyabaqinisekisa ukuba ndinguye. UYesu akangowelizwe elinye, kodwa ngowehlabathi liphela,” utshilo kudliwanondlebe lwakutsha nje neAfrimax.

Imimangaliso ayenzayo itsale uninzi oluzinikele kwibandla lakhe, kwidolophu yaseBungoma.  

Kutsha nje, ngethuba esikelela umtshato wenza ummangaliso wokujika amanzi abeyiti kodwa abo abebezimase lo mtshato bathi babenqwenela ukuba enze ummangaliso wakhe wakudala, ajike amanzi abe yiwine! 

NjengoYesu wase bhayibhileni,uMwalima Yesu, unabafundi abalishumi elinambini bonke banamagama wabafundi bakaYesu wasebhayibhileni.

Abafundi bakhe banxiba izambatho bagobe phambi kwakhe ngelixa efunda ilizwi ebhayibhileni. 

“Ndiyakholelwa ukuba lendoda nguYesu, uyaphilisa esenza neminye imimangaliso,” utshilo omnye umrhamente. 

“Abantu abagulayo bezakule nkonzo, kwaye ungacinga ukuba sekusele kancinci ukuba basweleke, kodwa uYesu usoloko engenelela abaphilise,” yongezile inkosikazi yakhe. 

Lo Yesu angahambela kude notywala, kodwa akahambeli kude nezinye izinto ngokufanayo neminyaka engamawaka amabini eyadlulayo. 

Yena nenkosikazi yakhe akhulise nayo abantwana abasibhozo, bakhusela umtshato wabo ngokusebenziza izibhalo ezingcwele kwincwadi yeZityhilelo, isahluko samashumi amabini ananye kwivesi yethoba. 

Levesi ifundeka ngoluhlobo: “Kwaye kweza kum enye yeengelosi ezisixhenxe, ezineengqayi ezisixhenxe ezizele zizibetho ezisixhenxe zokugqibela, yathetha nam, isithi, ‘Yiza apha, ndikubonise umfazi wayo iMvana.” 

Lo Yesu uzingcwalisayo ubanga ngelithi, “ngumfazi wemvana” ekubhalwe ngaye kwizibhalo ezingcwele omnike imvume yokutshata kwaye azale nabantwana. 

Eli ayilotyeli lokuqala ukuba ummi wasekenya abange ngokuba unguYesu Krestu. Ngenyanga yeKhala ngonyaka ka2019, umfundisi waseKenya kwidolophana encinci yaseKitengela wabanga ngelithi umfumene uYesu, kwaye waya kumbonisa enkonzweni yakhe njengonyana kaThixo.

Ukanti kwilizwe loMzantsi Afrika, uMoses Hlongwane wephondo laKwaZulu Natal ubanga ngokuba ungu Yesu Khrestu othunyelwe nguThixo ukuba enze umsebenzi wokusindisa ilizwe ngonyaka ka2013.