Usuku-nosuku ngumngcipheko kungekho mbane

Ngu Doreen Mokgolo

Abemi abaninzi boMzantsi Afrika baphazamiseka kanobom yinkqubo yokucinywa kombane. Kodwa kuJenny Moloto, oku kubeka ubomi bakhe emngciphekweni. 

Ubomi bakhe buxhomekeke kwigubu elincedisa ukuphefumla kwakhe ngomoya weOxygen.

Lo wasetyhini uneminyaka engamashumi amathandathu anesixhenxe osuka kwindawo yasePimville eSoweto, wafunyaniswa enesifo esinqabileyo esahlasela imiphunga yakhe, esibizwa ngeSarcoidosis. 

Lo wasetyhini sele esidla umhlala phantsi uxhomekeke kuphela kweligubu lomoya limncedisa ukuphefumla ukusukela ngenyanga yeSilimela kunyaka ophelileyo, kwaye ukusukela ngoko imeko yakhe yempilo iya isibamaxongo nangakumbi. 

Ngempelaveki, ngethuba kumiliselwa isigaba sesithandathu sokucinywa kombane, apho kuphela iiyure ezisibhozo ukuya kwezilishumi kungekho mbane, lenkonde ibingenayo inkxaso yomoya oyincedisa ukuphefumla. 

Le nkondekazi ithi kummandla wakhe babengenawo umbane ukusukela ngecala emva kwentsimbi yesine ekuseni ukuyotsho ngentsimbi yesibhozo ebusuku, nto leyo ithetha ukuba kuphele iiyure ezilishumi elinesithandathu bengenambane. Oku kunyanzelise ukuba asebenzise igubu lakhe lomoya alisebenzisa ngamaxesha kaxakeka. 

“Igubu elizakusebenza iiyure ezilishumi, lixabisa amakhulu amane eerandi. Emva koko ndinyanzeleka ukuba nditsalele abathengisi balomoya ukuba bandizisele,” utshilo. 

Intombi yalenkondekazi uMpho Rammile uthe, khange bakwazi ukuqhakamshelana nabathengisi begubu lomoya ngenxa yokungabikho koqhakamshelano lweNetwork obeluphazanyiswa kukumiliselwa kwenqubo yokucinywa kombane. 

“Sanyanzeleka ukuba siphume siyokhangela indawo eneNetwork, ukuze sithumele umyalezo sicela ukuba siziselwe igubu lomoya.” 

“Sithe sele sicinga ukuba sizakufumana uncedo, umthengisi uvaleleke endleleni ngenxa yokungasebenzi kweerobhothi kuba kungekho mbane,” utshilo. 

Uthe ngalo lonke elixesha l umama wakhe ebesokola kuphefumla, kwaye oku kuyamoyikisa. 

UMpho uthi njengoko kuqhuba lenkqubo yokucinywa kombane, kukhona namarhe okuba oku kuzakufikelela kwisigaba sesibhozo, unoloyiko lokuba uzakuphulukana nomama wakhe. 

“Kwangoku siyasokola ukufumana imali engamakhulu amane eeRandi yokugcwalisa igubu lomoya, njengoko sesifikelele kwisigaba sesithandathu sika cimi-cimi wombane, sidinga amagubu amabini ancedisa ukuphefumla kukamama. Sizakwenza njani ukuze sidlale kule meko?”

“Ingaba ukhona umntu osepalamente osikhathaleleyo, oyiqondayo imicelimingeni ejamelene nabemi beli ngenxa yokumiliselwa kwenkqubo yokucinywa kombane?”

“Abanye abantu bazokwazi ukuphinde bazithenge izixhobo zabo zombane ezimoshakeleyo ngenxa kacimi-cimi wombane. Ukuba umama wam uswelekile, andinokwazi ukuphinde ndithenge ubomi bakhe,” wongeze ngolohlobo.

Pictured above: Umfanekiso ongasentla: NguJenny Moloto

Imvelaphi yomfanekiso: Uthunyelwe