
Ingaba sele ukulungele ukoja inyama yeZebra kwisidlo sange njikalanga yangeCawe?
Ubungqina obutsha obuvela kwinzululwazi zecandelo lezilwanyana
Kwidyunivesithi yaseStellenbosch bubonakalisa ukuba inyama yezebra ikulungele ukuba ingatyiwa ngabantu.
Ezizilwanyana zizona zikwazi ukuveliza eyona nyama yakhe yaba licwecwe kwihlabathi liphela, ukutyeba kwayo kulinganiselwa ku0.5g kwinyama elingana no 100g. Kwaye inezakhamzimba eziphezulu zohlobo lwe protein, izinc, i-iron, uvitamin B12 kunye neOmega-3 fatty acids, uphando lubonakalisa ukuba inyama yeZebra ifanelekile ukuba ityiwe ngabantu.
Kodwa okubaluleke kakhulu kukuba ufumana iprotein eyongezelelweyo, akunjalo?
Inzululwazi kuledyunivesithi zithe oluphando lutsha luza kanye ngethuba urhulumente equkumbela izinto ezithile kwindlela zentengo yenyama eMzantsi Afrika, itsho ingxelo yeBusiness Insider.
Le migaqo nkqubo ijonge ukulungisa
ngokusemthethweni, itshintshe kwaye yandise icandelo lenyama eyonganyelwe yiImpala, iSpringbok, iwildbeest kunye neblesbok.
UAngelique Myburgh, ongumfundi kwidyunivesithi iStellenbosch, ufumanise ukuba luncinci uphando olwenziwe kwizebra njengemveliso yokutya. Uphehlelele uphando lwakhe encediswa ngumhlohli uHelet Lambrechta kunye nalowo wayeyintloko yecandelo lesebe lenzululwazi zezilwanyana eStellenbosch uLouw Hoffman.
Ngokophando, izilwanyana ezixhelwa ebusika zineprotein eyongezelelweyo, ngokucacileyo kungenxa yokutshintsha kwezinto ezizityalo ngokwe season, kunye nendlela ezityiswa ngayo.
Wongeze ngelithi iiZebra zinazo ezinye izinto ezizibeka endaweni engcono ngaphandle kwenyama esempilweni ezinceda ngayo.
Ngokwengqondo, kunye nokuziphatha ziyakwazi ukuphila kwiindawo ezohlukeneyo ezifana neendawo ezomileyo kunye neendawo ezinengca engekho kumgangatho ophezulu. Kwaye enza umsebenzi omhle naxa ufuna ukwenza umxube wentlobo zizilwanyana,
“Zinokugcinwa kwindawo exineneyo ngobuninzi bezilwanyana xa kuthelekiswa nezinye izilwanyana ezilingana nazo kumadlelo akumgangatho ophantsi wesondlo,” utshilo.
Ngenyanga yeKhala, isebe lezamahlathi, amalwandle kunye nokusingqongileyo, lapapasha umgaqonkqubo wokuqala ongeka phunyezwa wenyama, nalapho kusithiwa izebra zikumyinge ka 4.4 pesenti kwizilwanyana ezikwimiyezo yelizwe loMzantsi Afrika.
Ukuba ujonge ukuxuba inyama ye Zebra kuhlobo lokutya kwakho, Ivenkile yenyama kwiphondo laKwaZulu Natal iyayithengisa lenyama, kwaye amaxabiso ayo ayafumaneka kumnatha wayo. Ukanti iintlobo zenyama yeZebra zixabisa ngoluhlobo, IKhilo gram ngaye yegoulash Ibiza R105, ikhilogram yesteak ibize iR110, ngelixa iFillet Ibiza iR109 nge kg enye
Iqulunqwe Ngu Mashudu Mabila
Umfanekiso ongasentla: Yizebra
Imvelaphi yomfanekiso: Umyezo wezilwanyana iKariega Game Reserve