Itshe yangqongqa imizi eSajonisi ngenxa yempi yesikhaya 

Ngu Songeziwe Mapukata

Kuyaqhuba ukujongana ngezikhondo zamehlo kwiilali ezimeleneyo kwiphondo leMpuma Kapa, kuBhuje naseMajola eSajonisi, njengoko kutshiswe imizi ephantse ifikelele kumashumi amahlanu ngentseni yangeCawa. 

Umntu omnye udutyulwe wabulawa kulembambano, umzimba womfi ubhaqwe yintombi yakhe. 

Le mbambano iphakathi kwezilali zimbini, kudala iqhuba kangangokuba uninzi lwabantu alusazi nokuba yayiqalwe yintoni. 

Uhlaselo ngalunye, lwenza ukuba abo bahlaselweyo bafune ukuziphindezela emva kweenyanga ezimbalwa, nto leyo ibangela ukuba lengxabano ingapheli, iqhube. 

Isiganeko sokugqibela kulommandla mnye, sasenzeke ngomhla weshumi elinethoba kwinyanga yoMsintsi ngonyaka ka2022. 

Abahlali abaninzi sele befunde ukuzikhwebula kumngcipheko obangelwa yilengxabano ngaphambi kokuba yenzeke, ngonyaka ka2021 uninzi lwasinda ekutshisweni kuba babesele bebaleke bayakuzimela emahlathini ngobusuku. 

“Ngethuba kuqhambuka lempi kulanyaka, sabona imizi emithathu isitsha iphela, kanye ngosuku esabaleka saya kulala ehlathini kunye nezizalwane zam, silelephantsi kwemithi,” utshilo uNofikile Mteti ongumhlali. 

UMteti oneminyaka engamashumi amane anesibini uthethe neqonga leendaba iScrolla.Africa, ekhumbula amazwi omyeni wakhe okugqibela ngethuba ehlaselwa ngamadoda ebexhobile amdubule ambulala kuhlaselo lwangentseni yangeCawa. 

“Udutyulwe ngasezantsi kwesibaya. Sive izithonga zompu ezithathu, kwaphinde kwatsho ezinye ezihlanu. Ilizwi lakhe lokugqibela uvakale ecela uncedo.”

“Ndithe xa ndiyojonga ndafumana umzimba wakhe, elele ngobuso bujonge phantsi, kubonakala ngathi udutyulwe ngasemva. Intombi yakhe eneminyaka elishumi elinanye imbone kuqala, yathi mama jonga utata,” utshilo. 

Amapolisa akuqinisekisile ukudutylwa kwendoda esele indala kwilali yasetyeni. 

Isithethi samapolisa kwiphondo leMpuma Kapa uBrigadier Thembinkosi Kinana uthi amapolisa ayile kwindawo yexhwayelo ukuqinisekisa ukhuseleko.

“Sithethile neenkokheli zasekuhlaleni, saqhakamshelana namanye amasebe ukuze ancedise ngokutya kunye nendawo yokuhlala,” atshilo amapolisa.

UKinana wongeze ngelithi abarhanelwa abayanyaniswa neziganeko zokutshiswa kwemizi, kunye nabo barhanelwa ngokubulala basagcwele ithafa. 

Amatyala okutshisa imizi, ukubulala kunye nokonakalisa izakhiwo avuliwe kwaye uphando luyaqhuba.

Umfanekiso ongasentla: Indibano yabahlali ngethuba kusitsha imizi ngasemva 

Imvelaphi yomfanekiso: Uthunyelwe