Imveliso kaSimphiwe Dana ethi Moya- ihlonipha abangasekhoyo

Ngu Khaya Masipa

Usaziwayo kwezomculo uSimphiwe Dana uzakubuyela kwakhona kwiqonga iJohannesburg Theatre ngomhla wesithathu kwinyanga yoKwindla, apho ezakube esenza umdlalo wakhe eyedwa, othi Moya.

Lo mdlalo uwenza ngeenjongo zokubonakalisa intlonipho kumama wakhe ongasekhoyo uMamJoli, owasweleka ngenyanga yeKhala ngonyaka ka2021 ngenxa yobhubhane weCovid-19, kodwa lo mdlalo umalunga nezinto ezininzi kunokulahlekelwa kwakhe. 

“UMoya ngumdlalo omalunga nentlungu yelahleko,” utshilo uDana exelela iqonga leendaba iScrolla.Africa. 

“Ndiwenze kuba ndifuna ukukhumbuza abantu ukuba kulungile ukuzilela abantu abasilahlekeleyo, ndisenzela abo basenathi.’

Lo mbhali wolwimi lwesiXhosa unenjongo zokuwubuyisa lomdlalo unyaka nonyaka, ukukhumbula nokuhlonipha bonke abo baphulukana nemiphefumlo yabo ngexesha lobhubhane wentsholongwane iCovid-19. 

Ukwafuna ukuvelisa icwecwe lomboniso walomdlalo udlalwa ngqo, elungiselela abalandeli bakhe.

Le mveliso yenziwe ngokuhambelana nenkolo yakwantu, kwaye ibenako ukuphenjelelwa liculo lakhe elithi, Mayine. 

“Umama wam wayelinina elalomelele kakhulu ngokwenkolo yasentshona, kodwa ndicinga ukuba kubaluleke kakhulu ukuba sibenengxoxo malunga nenkolo yakwaNtu, kunye nendlela zokukholwa. Yindlela endiyibone ngayo lemveliso.” Utshilo uDana. 

UMoya uveliswe ngentsebenziswano kunye noGregory Maqoma we Vuyani Dance Project, obengumlawuli wobugcisa kunye nomdaniso, kunye noTiti Luzipho obengulawuli womculo. 

“Ndinethemba lokuba ndizakuwonwabela lo mdlalo, kwaye ndikhumbule ukuba kubalulekile ukuthanda abantu osondelelene nabo ungalibali nokuthanda uThixo,” utshilo.

Umfanekiso ongasentla: NguSimphiwe Dana

Imvelaphi yomfanekiso: Uthunyelwe