Umbutho omtsha eKZN uthenga ivoti ngezixhobo zombane

Ngu Zukile Majova

Iqela elitsha lezopolitiko kwiphondo laKwaZulu Natal liphisa ngezixhobo zombane ukugaya inkxaso yabavoti, njengoko kulindeleke ukuba kuqhube unyulo lovalo zikhewu eNewcastle.  

Ngomvulo iqela elingena ndumasi ingako kulommandla, iTeam Sugar South Africa (TSSA) lothuse bahlali bakawa ward 31 eNewcastle ngokuphisa ngezitovu zombane, izikhenkcezisi kunye nezishushubezi. 

Zonke ezizipho zixabisa imali etshisiweyo njengoko isitovu sixabisa amawaka amahlanu eeRandi, isikhenkcezisi sixabisa amawaka amane eeRandi kunye newaka elinamakhulu asibhozo eeRandi ngesishushubezi ngasinye. 

Inkokheli yalombutho uMusa “Sugar” Thwala, oyindoda enomtsalane kwaye ethandwayo luluntu wavela kumboniso ngenyanga yoMnga kunyaka ka2022 esenza isidudla ngemoto yohlobo lweBMW Gusheshe eyathi yatshayisa abantu ababebukele. 

UMbutho kaThwala, osekelwe phantsi kwemigaqo yombutho olwela abahlali, namalungelo abasebenzi bemizimveliso waphumelela iward ezimbini kulomasipala, kwaye wafumana izihlalo ezihlanu kulomasipala emva kolonyulo loorhulumente basemakhaya ngonyaka ka2021. 

UMbutho weTSSA wadlala indima enkulu ekuqinisekiseni ukuba ngowuphi umbutho oyakulawula kumasipala ngethuba iziphumo zonyulo zazingabonakalisi qela eliphumelele ngokucacileyo, ntoleyo yancedisa uThwala ukuba afumane isihlalo sika sekela sodolophu walomasipala.  

Ukusukela ngoko, lombutho sele uvule amasebe awo kumasipala ombaxa waseThekwini. 

Yintlala isenzeka kumbutho weANC ukuba ngaphambi konyulo bathenge abavoti ngezipho ezifana nepasile zokutya, bexhaphaza abahlali basemaphandleni nasezilokishini abasokolayo ngenxa yentswelangqesho. 

Kutsha nje iqonga leendaba iScrolla.Africa lenze ingxelo malunga nonobhala weANC kwiphondo laKwaZulu Natal uBheki Mtolo njengoko ezame ukusebenzisa iipasile zokutya ukugaya inkxaso yeqela lakhe kubavoti baseMsinga ukuba bavotele umbutho weANC. 

Abavoti bathatha ukutya, kodwa bavotela umbutho weIFP. 

Ngenyanga yeNkanga, iqonga leendaba iScrolla.Africa lenza ingexelo malunga noceba weward yaseNewcastle uNokusa Mroza Khumalo owathatha ubomi bakhe. 

Eli lungu lombutho iTSSA lineminyaka engamashumi amathathu ananye, lafunyanwa lijinga kuphahla lwendlu yalo eMasondeza. 

UMzala wexhoba uThabile Khumalo, wasixelela ukuba usapho lwalungena lwazi malunga nonobangela wokuba athathe ubomi bakhe.  

“Wayengumntu owayethetha xa kukhona izinto angazithandiyo. Sothukile silusapho kuba asazi yintoni ebangele athathe ubopmi bakhe, ngethuba kanye kubonakala ngathi yonke into ihamba kakuhle ebomini bakhe,” wathetha wenjenje umzala wakhe. 

Umfanekiso ongasentla: NguMusa “Sugar” Thwala ephisa ngezipho kubahlali bakaw ward31

Imvelaphi yomfanekiso: 1KZNTV