
Ngu Nkhensani Mthombeni
Kuthe xa kuthweswa isitshaba sika Miss Universe 2022 uR’Bonney Gabriel welizwe laseUSA, ngentseni yangeCawa, zophuka iintliziyo zezigidi zabaxhasi benzwakazi uNdavi Nokeri onguMiss South Africa.
Noxa kunjalo, uNokeri ibinguye obemele ilizwekazi iAfrika kuluhlu loonobuhle abalishumi elinesithandathu bokugqibela. Usapho lwakhe belungakhathazekanga kukungaphumeleli kwakhe; kodwa bazingca kanobom ngomsebenzi wakhe.
“Njengobhuti wakhe omdala, ndiyazingca ngaye. UNdavi wenze umsebenzi omhle kakhulu. Ulumele usapho lwethu kunye noMzantsi Afrika ngendlela efanelekileyo,” utshilo ubhuti wakhe uNyiko.
UNyiko nenkosikazi yakhe uNkateko Nokeri baxelele iqonga leendaba iScrolla.Africa ukuba babukele olukhuphiswano lwade lwafikelela esiphelweni, njegoko belusasazwa ngqo kumabonakude ukusukela ngentsimbi yesithathu ngentseni yangeCawa, ngokwexesha loMzantsi Afrika.
Olukhuphiswano belubanjelwe eNew Orleans Memoriak Convention Centre, eLouisiana kwilizwe laseUnited States. Lenzwakazi yoMzantsi Afrika ibikhuphisana namagqiyazana angamashumi asibhozo anesine, asuka kumazwe ehlabathi jikelele.
UNdavi uphoswe kukufikelela kuluhlu loonobuhle abathathu bokugqibela, njengoko ibengu amanda Dudamel waseVenezuela obekwindawo yokuqala , kunye no Andreina Martinez welizwe iDominican Republic kwindawo yesibini.
“Ndicinga ukuba iqonga lika Miss Universe belingeka lulungeli uhlobo lobunkokheli obuza noNdavi,” utshilo Nyiko.
Ukanti uNkateko uthe, uNdavi ulwe wade wafikelela ekugqibeleni, kwaye uzibonakalise ngendlela entle kolukhuphiswano, kwaye ubonakalise ukuzithemba eqongeni.”
“UNdavi ubemele ilizwekazi iAfrika, yimpumelelo eyoneleyo kuthi leyo,” utshilo.
UNkateko uthe ngoku ulindele ukubona uNdavi ezibonakalisa kukhuphiswano olulandelayo, wakhuthaza ilizwe loMzantsi Afrika ukuba lumxhase kwakhona.
“Indlela iyaqhuba, silungiselela ukhuphiswano olulandelayo luka Miss Supranational. UMzantsi Afrika, lungiselela ukuvota nimenze adume kwakhona.”
Abazali bakaNdavi, umfundisi uMoses kunye noBetty Nokeri, bakwilizwe laseUnited States, ukuya kunika inkxaso kwintombi yabo.
Umfundisi uMoses unombulelo kuluntu loMzantsi Afrika, “Izicaka zikaThixo” ngemithandazo yabo, bebulela nakusapho lwabo kunye nabahlobo.
“Siyabulela ngokuxhasa intombi yethu entle kwaye ehlakaniphileyo,” utshilo exelela eliqonga lendaba.
Umfanekiso ongasentla: Ngu Miss South Africa uNdavi Nokeri