Ukhuthaza uluntu unogada wemoto ophila nokukhubazeka

Ngu Buziwe Nocuze

“Yeka ukuzisizela!” 

Lo, ngumyalezo ovela kunogada wemoto waseKapa oneminyaka engamashumi amathandathu ananye, ekhuthaza abantu abaphila nokukhubazeka ukuba basebenzele ukuzinceda.

USikumpi Hloyi, osuka kwilokishi yakwaLanga, watshayiswa yimoto ngonyaka ka1995 emva koko wanyanzeleka ukuba ahlale kwisitulo samavili. Icala lasekunene lalimala kanobom kwaye akakwazi ukuzihambela. 

“Ndicinga ukuba umqhubi zange andibone,” uxelele iqonga leendaba iScrolla.Africa ngethuba ecinga ngale ngozi.

Wathi akuchacha emva kwengozi, wabuyela kumsebenzi wakhe eSomerset nangona ehamba ngesitulo samavili. Kwiminyaka emithathu edlulileyo wathutha wayokuhlala kwaLanga. 

“Sele kuphele iminyaka engamashumi amabini ndisenza lomsebenzi kwaye anduzuyeka. Yintoni enokubangela ukuba ndiyeke ukwenza umsebenzi endiwuthandayo? Undigcina ndihlahlambile kwaye ndidlamkile,” utshilo. 

USikumpi uhlala kwikhaya labantu abadala. Uqala ukusebenza ngentsimbi yesithandathu kusasa, agoduke xa sele kungekho moto zidinga ukugadwa. Imali ayenzayo ixhomekeke kwimali ayinikwa ngabanikazi bemoto. 

“Ndithatha noba yimalini abandinika yona. Abanye bandinika amashumi amabini eeRandi, R2, ngelixa abanye bendinika engaphezulu kwe R2. Ndiyayibulela kwaye andikhalazi nditsho kungekho nto bandinika yona. Oku ndikwenza kuba ndithanda ukusebenza nokukhusela iimoto.” 

Lo kaSikumpi ufuna ibali lakhe likhuthaze wonke umntu, ingakumbi abo baphila nokukhubazeka. 

“Izinga lentswela ngqesho liphezulu kakhulu, kwaye imeko iya isiba maxongo. Abantu abatsha kufuneka baqalise ukwenza izinto ezizakubangenisela imali. Ukuba nje zamkelekile ngokomthetho, mabazenze.”

Omnye wabahlali bakwaLanga uLuyolo Mayaba udla ngokupha uSikumpi imali nangona engenayo imoto. 

“Ndiyawuthanda umoya wakhe. Ngalo lonke ixesha ndithetha naye ndizuza nto kulwazi nokuhlakanipha anako. Undinika iingcebiso malunga nokuba ndingazisombulula njani iingxaki zobomi, kwaye undenza nditshintshe indlela endizibona ngayo izinto.”

Umfanekiso ongasentla: Onagada wakwa Langa ophila nenkubazeko uSikumpi Hloyi

Imvelaphi yomfanekisot: NguBuziwe Nocuze