Lithwaxwe kanobom iqela leSpurs kwidabi laseLondon

Ngu Razeen Gutta

Kubomvu kumntla weLondon – Ingilane ibomvu. Oku kuza emva kwempumelelo yeArsenal ibetha iTottenham Hotspur. Le mpumelelo ize nomdlali weArsenal uMikel Arteta okokuqala oko wathatha iintambo njengo kapteni kwiminyaka esibhozo eyadlulayo.

Lo mdlalo ububalisa imbali yonozinti ababini, uHugo Lloris weqela leSpurs uthathe uBukayo Saka wamdibanisa nomnatha wakhe. Ngelixa uAaron Ramsdale weqela leArsenal eze nokuzimisela okungalinganiswa nokoyena ugqwesileyo kulomdlalo. 

Inqaku elifakwe nguLloris kumnatha weqela lakhe libangele ukuba isigaba sokuqala somdlalo weSpurs wonganyelwe ziimpazamo, kwaye abadlali babe phantsi konxinizelelo kuba bezele luloyiko.  

Okumangalisayo kukuba le ibiyimpazamo yakhe yokuqala, kwimidlalo yakhe yePremier League engamakhulu amathathu anamashumi amahlanu anesine, kwaye yenzeke ngelona xesha libi, kuwona mdlalo umkhulu ebebewudlala. 

Ukapteni weqela leArsenal uMartin Odegaard wongeze inqaku lesibini ngaphambi kokuba kuyiwe ekhefini, ngebhola entle yonyawo lwasekhohlo nto leyo ebeke iqela lakhe kwindawo entle yokuba lilawule lomdlalo. 

Iqela leSpurs libuye livutha kwisiqingatha sesibini, nalapho lifike lizekuvavanya ukomelela kweqela leGunners zika Ramsdale kwicala lokuvalela amanqaku.. 

UHarry Kane uzamile amatyeli ambalwa ukugqhoboza kodwa ziphanzile ezonzame, kwaye iArsenal ibonakalise umgangatho wokhuselo labo oluluqilima, batsho bagcina irekhodi labo lingenasiphaku kwaye beqinisekisa ukuba bakulungela ukukhusela itayitile yabo. 

Iqela leArsenal lisenkcochoyini yeLog, lishiya iManchester City ngamanqaku asibhozo. Iqela lika Arteta lizakuqubisana neManchester United kumdlalo olandelayo, ngelixa iCity kunye neSpurs zizakube ziqubisana eEtihad. 

Umfanekiso ongasentla: NguMartin Odegaard kunye noGranit Xhaka 

Imvelaphi yomfanekiso: @Arsenal