Lichithiwe ityala lokudlwengula emva kokungenelela kwabahlali

Ngu Anita Dangazele

Ityendyana lenkwenke lavuma ukuba lali sele liqalisa ukwabelana ngesondo neqabane lalo, kodwa ngenxa yokuba babenxile kakhulu bobabini, babiwa bubuthongo balala. 

Lo wasetyhini yena uthe akakhumbuli esabelana ngesondo neqabane lakhe, kodwa umzala wakhe wamxelela kuba babelene ngesondo, yilonto egqibe kwelokuba avule ityala. 

Elityala lachithwa ngoMvulo – nto leyo yonwabiswa iqela labahlali ebeliqhankqalaza ngaphandle kwenkundla bememelela ukukhululwa korhanelwa, ngelithi uqatywe amafutha inyama engayityanga.

Elityendyana labanjwa kwiintsukwana nje esandula kubuya esuthwini, etyholwa ngokudlwengula iqabane lakhe kumsitho wokubhiyozela ukuphela kwemviwo zabo owawubanjwe ngenyanga yeNkanga kunyaka ophelileyo. 

Umakazi womrhanelwa uxelele iqonga leendaba iScrolla.Africa ukuba umtshana wakhe wayefika evela kwinkampu eyayilungiselelwe ukubhala imviwo kwisikolo samabanga aphakamileyo iVM Kwinana Secondary School, apho ebesenza khona banga leshumi ngethuba efumana isimemo sokuba ayekumsitho owenzelwa emzini bebhiyozela ukuphela kwemviwo. 

Le ntombazana ineminyaka elishumi elinesithandathu esele yohlukene neqabane layo elingumsolwa ixelele iqonga leendaba iScrolla.Africa ukuba wayemenywe kumsitho owawubanjelwe emzini apho wadibana nomrhanelwa bachitha ubusuku kunye besela. Bavumelana ukushiya lomsitho kunye baye kwikhaya lomrhanelwa. 

Uthe akasakhumbuli nokuba babelana ngesondo kusini na. 

“Andisakhumbuli nokuba salala okanye zange silale kunye, kodwa ndavuka singanxibanga sobabini. Xa ndizijonga kwakungekho nto ibonakalisa ukuba ndixhatshaziwe, kodwa umzala wam wandixelela ukuba umrhanelwa wandithatha ngenkani wandidlwengula, kodwa mna andisakhumbuli.”

Wagqiba kwelokuba avule ityala ngakumrhanelwa kuba maninzi amatyala odlwengulo angaxelwayo, atsho angohlwayelwa. Umrhanelwa wabanjwa ngomhla wesine kwinyanga yoMqungu. 

“Bendingafuni kuhlala ndingayithatheli ngqalelo, ukuba into eloluhlobo yenzekile kum,” utshilo. 

Noxa kunjalo, emva kwentlanganiso nosapho lwakhe, uthe wathatha isigqibo sokuba alirhoxise ityala ngakumrhanelwa. 

Isicelo sebheyile somrhanelwa khange siviwe ngoLwesihlanu, ngenxa yokungabikho kwamanzi kunye nombane enkundleni. Elityala larhoxiselwa usuku lwangoMvulo umhla weshumi elinesithandathu kwinyanga yoMqungu, kwaye abahlali bebephumengendlu ukuya kunika inkxaso kumrhanelwa. 

Uthe akuvela enkundleni, inkundla yabhengeza ukuba izityholo ngakuye zirhoxiswe ngokusemthethweni, ngako ke ityala lichithiwe. 

Umfanekiso ongasentla: Igquba labahlali beqhankqalaza ngaphandle kwenkundla kamantyi eKariega benika inkxaso kumrhanelwa otyholwa ngokudlwengula

Imvelaphi yomfanekiso: NguAnita Dangazele