Kudlwengulwe owasetyhini ophazamiseke ngokwasengqondweni

Ngu Doreen Mokgolo

NgoLwesine, owasetyhini oneminyaka engamashumi amabini anesibini ophazamiseke ngokwasengqondweni, wathunjwa waze wadlwengulwa ligquba lamadoda amane eDuduza, Ekurhuleni. 

Ixhoba lalisendleleni egodukayo, lisuka kwikhaya leqabane lalo ngethuba evalelwa ngalamadoda mane, awaziyo. 

Kutyholwa ngelithi lamadoda alithatha ixhoba alivalela kwenye yezindlu ezingahlali bantu kulengingqi, eyaziwa ngokuhlala izikrelemnqa nokugcinwa kwezinto ezibiweyo. 

Kurhaneleka ukuba bamngxala ngotywala ukuze ayobe, baqhubeka bemdlwengula ubusuku bonke. 

Umalume wexhoba ongenokuxelwa kuba kukhuselwa ixhoba, uthe usapho lwalukhathazekile ngenxa yokungafumaneki kwakhe. 

Uthe ixhoba lalibonwe likunye neqabane lalo, elinokukhubazeka okuthile ngokwengqondo ngolusku.

“Usixelele ukuba, wahamba emva kokuphela kwenkqubo yokucinywa kombane yengingqi esingise ekhayeni lakhe. Abambonileyo basixelela ukuba bambona ehamba egoduka.”

“Sakhangela ubusuku bonke kodwa zange simfumane.” 

Uthe ixhoba lafika ekuseni lidakumbile kwaye lixhwalekile, nempahla zakhe zikrazukile. 

Waxelela usapho lwakhe zonke iinkcukacha ngokwenzekileyo, usapho lwakhe lwakhawuleza laqhakamshelana namapolisa lambalekisela esibhedlele apho kwaqinisekiswayo ukuba ngenene udlwengulwe. 

Umalume wexhoba uthe wonke umntu kulengingqi uyamazi ukuba uphazamisekile ngokwengqondo, kwaye unobubele kumntu wonke. 

“Bamsebenzise ngokumdela kuba becinga akazuyikhumbula into eyenzeke kuye, ngenxa yesisizathu sifuna ukuba bavelelwe kude eluntwini,” utshilo. 

Isithethi samapolisa aseDuduza uSergent Nothando Mahlangu uqinisekisile ukuba baphanda ityala lokudlwengula nokuthumba. 

“Abarhanelwa abane babanjiwe kwaye bazakuvela phambi kwenkundla kamantyi iNigel,” utshilo. 

UNomasomi Limako, olitshantliziyo elilwela amalungelo abantu abaphila nokukhubazeka umemelela ubulungiswa ngakwixhoba. 

“Amanina aphila nokukhubazeka, ingakumbi abo banokuphazamiseka ngokwengqondo, bayaxhatshazwa badlwengulwe kuba kukholelwa ukuba abazukwazi ukubalisa isiganeko emapoliseni, kwaye elotyala lizakubekelwa bucala ezinkundleni zamatyala.” 

“Sizakulwa de abarhanelwa bagwetywe ngendlela efanelekileyo,” utshilo. 

UMahlangu uthe amapolisa afumana iingxelo ezongezelelekileyo zolwaphulo mthetho ngexesha lokucinywa kombane, ingakumbi ebusuku kuba abophulimthetho basebenzisa ixesha lobunyama ukwenza izenzo zolwaphulomthetho. 

“Simemelela abahlali ukuba bathathe amanyathelo aqatha ukuqinisekisa ukhuseleko, bangahambi bodwa ebusuku, utshilo.