
Ngu Everson Luhanga
Igqala lomculo lelizwe laseMalawi uGiddes oneminyaka engamashumi aluthoba anesithathu, usaqhubeka nokonwabisa abalandeli bakhe ngoncuthu lomculo wakhe.
Njengoko esaziwa ngelika Agide, igama elibonakalisa intlonipho kubantu abadala, eliphinde libe sisishunqulelo segama lakhe. UChalamanda uchithe iminyaka engamashumi asixhenxe anesihlanu eyinxalenye yecandelo lomculo.
Waqala ukuvelisa umculo eneminyaka elishumi elinesibini, kodwa wanyanzeleka alinde kufike iminyaka yo1990 ukuze afumane impumelelo efikelele kwihlabathi jikelele ngengoma yakhe eyayiyintandane ethi “Linny”.
NgeCawa uGiddes ebebhiyozela iminyaka engamashumi alithoba anesithathu, nalapho ingene igxalathelana imiyalezo evela kubahlobo, abalandeli kunye nosazowayo kwicandelo lo mculo nolonwabo.
Ingoma yakhe ebidume kwihlabathi jikelele elithi “Linny” wayishicilela eneminyaka angamashumi amasixhenxe. Le ngoma uphinde wayicula kunye nemvumi esencinane uPatience Nomadingo, ibithe ndii kwikhasi lika Tik Tok kunyaka ophelileyo, yathandwa ngabalandeli abafikelele kwizigidi kwelikhasi lonxibelelwano.
Le ngoma imvulele indlela uChalamanda ukuba abeyinxalenye yemisitho emininzi kwilizwe laseMalawi, kunye namanye amazwe afana noMzantsi Afrika, iZambia kunye neMozambique.
Kunyaka ophelileyo uthathe utyelelo oluza lwilizwe loMzantsi Afrika apho onwabise abalandeli bakhe eKapa naseJohannesburg apho ubeceliwe ukuba acule khona.
Emva kokufumana udumo olumfaneleyo kwelicandelo, ukwazile ukufezekisa iphupha lakhe elaziwayo.
Kwingoma ethi “Linny” ucula esithi: “ukuba bendinemali bendiza kutyelela eAmerica” – kutsha nje ukwazile ukwenza kanye oku!
Iimvumi kwilizwe loMzantsi Afrika, ePhilippines, kunye naseCanada zenze le ngoma kabutsha ngelibonisa umbulelo kuba besithi ithetha ngqo nomtu oliphulaphuleyo.
U “Linny” ligama lentombi yakhe ayincomayo kule ngoma ngothando kunye nentobeko.
Kusuku lokuzalwa egqiba iminyaka engamashumi aluthoba anesibini, uChalamanda kunye netombi yakhe babezindwendwe ezikhethelileyo kwindlu yorhulumente waseMalawi, besidla isidlo nomongameli uLazarus Chakwera kwidolophu enkulu yelalizwe iLilongwe. Umongameli wanika eligqala lomculo imbasa kunye nesipho sokuzalwa.
Ukanti uChalamanda waphinda wamkela imbasa ngegalelo lakhe lobomi kumculo welalizwe, eyinikwa yiMuso Awards ngenyanga yeNkanga kunyaka ophelileyo.
Umfanekiso ongasentla: NguGiddes Chalamanda
Imvelaphi yomfanekiso: Malawi24