Ingwe ishiye umzila wamaxhoba

Ngu Razeen Gutta

Abasemagunyeni bakhangela ithokazi le ngwe eliphuncuke kumzi ebeligcinwa kuwo kummandla waseKlipriver, kumazantsi esixeko saseJohannesburg ngoMgqibelo, esele lishiye uthotho lwamaxhoba kumzila walo. 

Iingxelo zithi le ngwe yakhuliswa ngumninimzi, kunye nezinye izilwanyana zasendle ezikwi yadi yakhe eziquka inkunzi yengwe kunye namahashe ohlobo lwezebra.   

Le ngwe yagqityelwa ukubonwa kufuphi neziko lempilo lezilwanyana iDaleside veterinary clinic, kusithwa iphume kwindawo ebivalelwe kuyo emva kokuba kuvuleke isikrobo kucingo olubiyele lendawo ngobusuku bangoMgqibelo. 

Ngokwengxelo yesithethi samapolisa uColonel Dimakatso Sello, le ngwe ihlasele indoda eneminyaka engamashumi amathathu anethoba, kunye nenja kulommandla. Ukanti ingxelo ezohlukeneyo zithi nezinye izilwanyana zikwangamaxhoba alengwe.  

Le ndoda isindile koluhlaselo, nangona kungekho zinkcukacha zigcweleyo malunga nesimo sezilwanyana ezithe zaba ngamaxhoba. 

“Abahlali bayabongozwa ukuba baqaphele,” uxelele iqonga leendaba iScrolla.Africa 

“Uphando luqhutywa licandelo lezilwayana iSedibeng K9 kwicandelo lezomoya eJohannesburg, iqumrhu elilwa ulwaphulo mthetho eKlipriver kunye nabahlali abazinikeleyo ukukhangela esisirhalarhume sesilwanyana.

“Uluntu liyacelwa ukuba luqaphele, lungasondeli kwesisilwanyana ukuze luhlale lukhuselekile. Endaweni yoko malutsalele umnxeba wokuxela ulwaphulo mthetho ku 08600 10 111.”

Imvelaphi yomfanekiso: @MDNnewss