Indawo yokulahla inkukuma ijike yaligugu labahlali baseGugulethu

Ngu Buziwe Nocuze

Indlela eyayingcole ngayo le ndawo yokulahla inkukuma ngokungekho mthethweni yayinyanzelisa ukuba abantwana benze umngcelele ukuze badlule kuyo xa besiya esikolweni.

Yonke into ekukungcola yayifumaneka kwelithafa, ukusukela kwiinapukeni zabantwana, izilwanyana ezifileyo kuquka neempuku eziphilayo. 

Kungoku nje lephaseji iphakathi kwemizi emibini, yacocwa ngabahlali baseGugulethu yayeka ukuba yindawo yokulahla inkukuma, yatsho yayindawo epholileyo yokuhamba, yathiywa negama elitsha elithi Ithemba.  

UXolile Ndzoyi olutshantliziyo ekapa uthe, abafundi besikolo samabanga aphantsi iNobantu Primary, basebenzisa lendlela imfutshane xa besiya esikolweni. 

“Abahlali baqokelelana baqalisa ukucoca lendlela kuba ibinobungozi kumntu wonke oyisebenzisayo, hayi abantwana besikolo kuphela,” usthilo uXolile. 

“inkukuma yayiphuphuma, abantwana babenyanzeleka ukuba benze umngcelele xa bedlula kulendawo. Sasingenokwazi ukuhlala nje sibukele.” 

UXolile uthe abantu ababehlala kufutshane nelendawo, babengakwazi nokuvula ifestile okanye iminyango ngenxa yevumba elalinganyamezeleki. 

“Siyibize Ithemba Walkway kuba inika ithemba kubahlali baseGugulethu,” utshilo. 

“Sizakuwabhala edongeni amagama abantu ababenegalelo kwisixeko saseKapa nakwihlabathi liphela. Sizakubhala nezicatshulwa ezikhuthazayo zabantu abangosaziwayo, sizobe imifanekiso yabo kunye namazwe abo kwezindonga. Sifuna lendawo itsale abatyeleli.” 

Uthe wonke umntu walengingqi unebali elibi anokulithetha ngalendawo – kwaye ayiyo yodwa. Bakhuthaza abantu ukuba bacoce iindawo zokulahla inkukuma ezingekho mthethweni bayeke ukulindela ukwenzelwa ngurhulumente. 

“Sidinga ukusebenza nabantu abanentshisakalo nabenza izinto ngendlela ekhuthazayo, kwaye sinezicwangcwiso zokuba sisebenzise ukungcola ukwenza imali.” 

UNandipha Ngece ubengakholelwa ukuba bangatshintsha indawo yokulahla inkukuma ibeyindawo entle ngendlela eyiyo namhlanje. 

“Abantu abatsha ngoku bathatha imifanekiso kulendawo. Sizakuyigcina icocekile. Soze siphinde sivumele nabani na ukuba alahle inkukuma kulandawo kwakhona,” utshilo uNandipha. 

Umfanekiso ongasentla: UXolile Ndzoyi ume kwindawo ebisakuba yindawo yokulahla inkukuma ngokungekho mthethweni emva kokuba beyicocile.  

Imvelaphi yomfanekiso: NguBuziwe Nocuze