Akalali, Akatyi umqeqeshi weOrlando Pirates

Ngu Michael Madyira

Umqeqeshi weqela leOrlando Pirates uJose Riveiro ubalise ngoxinizelelo abaphantsi ngenxa yokutyatyushwa kwimidlalo emithathu yendebe iPremier Soccer League. 

Iqela lamaBuccaneer lisukume lazivuthulula ngomgqibelo emva kokuphumelela ngamanqaku amathathu kwelinye ngethuba bedlala neqela iGolden Arrows kumabala eliqela. 

URiveiro uthe ukubethwa imidlalo emithathu ilandelelana kubangele uxinizelelo olumandla ngokwemvakalelo de kwanzima nokutya. 

Lomqeqeshi uphuma kwilizwe laseSpain uthe uxinzelelo ngokwengqondo lubenegalelo nakubasebenzi basezi ofisini kunye nabadlali. 

“Kunzima kakhulu ukuqubisana nalemeko emva kweziphumo zemidlalo emithathu,” uRiveiro ukuthethe oku kudliwano ndlebe nonondaba emva kwalomdlalo. 

“Ngommo, wonke umntu oxhasa mna, neliqela ngabantu abathandayo ukukhuphisana. Ngabantu abangakwaziyo ukulala xa singaphumelelanga.”

“Ukuba andiphumelelanga andisityi isidlo sangokuhlwa, andilali kwaye andisityi nesidlo sakusasa. Andityi kwanto, kwaye oku kuyandongamela ngamanye amaxesha, mandiyithethe inyaniso. Kwaye nakubadlali kubanzima oluhlobo, nangona unokucingela ukuba abakhathali.

“Bayakhathazeka kuba bayayazi ukuba ithetha ntoni. Namhlanje [ngoMgqibelo] siwugqibe lomdlalo ngamanqaku amathathu. Benze lento ibifanelekile ukuba bayenze kulemeko; baqhubeka bedlala bafikelela ekugqibeleni kwaye bahlakanipha nangakumbi.”

Ubunzima obufunyenwe liqela lePirates bebubangelwa nangabadlali bangaphambili abangomelelanga, njengoko bebefumana ubunzima ukufaka amanqaku. 

Noxa kunjalo uRiveiro ubakhusele abadlali bakhe abakhuphisanayo, kuquka nokubhaya umnatha kwemfolosi ngelithi, lukhulu ukhuphiswano ngokwendawo zokudlala. 

“Nditshilo amatyeli amaninzi ukuba abadlali esinabo kweliqela, umgangatho abakuwo kwisikhundla ngasinye, ndingalibekelanga bucala icandelo labadlali abaphambili,” utshilo uRiveiro. 

“Ukhuphiswano olukhoyo kwiqela lwenza kubenzima ukuba abanye abadlali babe kwiqela lokuqala labadlali abalishumi elinanye. Kunzima nokuba babe kuluhlu lweqela labadlali abangamashumi amabini. Xa abadlali beyinxalenye yeqela elidlalayo, lonto ithetha ukuba benze kakuhle kuqeqesho lwabo lwaphakathi evekini. Siyakholelwa kakhulu kuqeqesho lwethu.”

Emva kokuvakalisa ukoneliseka kwakhe liqela labadlali bakhe, kuzobonakala ukuba umqeqeshi weqela elongameleyo eSoweto uzakubongeza kusini na abadlali bakhe kwikhefu lokuthenga nokuthengiswa kwabadlali ngalenyanga yoMqungu, njengoko sele etyikitye uCraig Martin kunye noNdumiso Mabena. 

Umdlalo olandelayo kwiqela lamaBuccaneer kukuba lamkele iStellenbosch ngomhla wamashumi amabini anesibini kulenyanga yoMqungu njengoko bejonge ukuphumelela imidlalo emibini ilandelelana.  

Imvelaphi yomfanekiso: Orlando Pirates