
Ngu Khaya Ndaba
Xa ujonge umculo wohlobo lweRock ‘n roll, iilokishi zomzantsi Afrika yindawo yokugqibela onokulindela ukuba ufumane oluhlobo lomculo kuzo. Kodwa konke oku kuzakutshintsha.
Ilokishi yaseSoweto ivelise umculo osakhulayo werock kulengingqi, ibekela bucala umculo womdaniso ofana namapiano, umculo wehouse kunye neHip-hop.
Olu luntu luselula lwabathandi bomculo wePunk, iMetal kunye nohlobo olukhethekileyo lomculo werock selizakungena kwicandelo elingundoqo lomculo weli, kwaye kulindeleke ukuba ube yintandokazi kubathandi bomculo belizwe loMzantsi Afrika.
Omnye wabantu abaza nolutshintsho nguDennis Ramashida oneminyaka engamashumi amathathu anesibini, ongumhlali wasePimville owaqalisa iqela lakhe lomculo elibizwa iDennis Express, ngonyaka ka2016, eyiqalela egaraji ekhayeni lakhe.
Njengazo zonke imvumi zomculo werock ‘n roll, akabambelelanga kuhlobo olunye lobugcisa.
Ungumbhali womculo, Umzobi wobugcisa kunye notitshala wezobugcisa.
“Ndizibonq njengomntu othanda ukuvelisa iintlobo ezohlukeneyo zobugcisa, ndibhala iingoma, ndivelisa imizobo ngepaint, ndithatha imifanekiso kwaye ndidlala umculo. Andithandi kuzivalela kwicandelo elinye lobugcisa. Ndiyayithanda into endiyenzayo, nokuba ndiyivelisa ngoluphi uhlobo,” uxelele iqonga leendaba iScrolla.Africa.
Iqela iDennis Expres sele labelane ngeqonga namanye amaqela asakhulayo omculo werock afana neqela Iphupho Laka Bhiko, iBCUC, iDrain Brain Experience kunye neTroggs-Wild Thing.
“Umculo werock osakhulayo apha ekuhlaleni uyavutha kwaye uyakhula. Rhoqo ngooLwezibini sibanomcimbi womculo esiwuqhubayo eSawubona Music Jam apho ndibona iimbuso zolutsha olukwiminyaka ephakathi kweshumi elinesixhenxe neshumi elinesibhozo, kwaye oku kundibonisa indlela olukhula ngayo oluhlobo lomculo kulelokishi,” utshilo uRamashinga.
Unethemba lokuba ulutsha olusakhulayo oluthanda umculo werock luzakuthatha inxaxheba lusebenzise isigingci kunye namagubu luqhubele phambili ngoluhlobo lomculo ezilokishini.
Okwangoku, usebenza kwimveliso elungiselelwe ukuba ikhutshwe ngenyanga yeThupha phantsi kweqela lakhe iDennis Express.
Ukanti uyaqhuba nokusebenza kwimizobo yakhe yepaint kunye nokufundisa izifundo zokuthatha imifanekiso eMarket Photo Workshop eNewtown eJohannesburg.
Umfanekiso ongasentla: Iqela iDennis Express licula
Imvelaphi yomfanekiso: Uthunyelwe