UHerman Mashaba uthatha amanyathelo

Ngu Zukile Majova

Inkokheli yombutho iActionSA,uHerman Mashaba, ulungiselela ukujika umbutho wakhe ube ngumbutho ophambili kwezopolitiko eMzantsi Afrika, ukuze axhamle kwivelatanci lokwehla kwentembeko ngakumbutho weANC. 

Lo mbutho ulumkise ngelithi uzakukhuphisana ngeevoti zabemi beli abakwisigaba esiphakathi ngokwezoqoqosho: eli lelona qela liphembelela unyulo lweli kwaye kungoku nje lishiyeke lingenakhaya lezopolitiko. 

Lowo wayesakuba ngusomashishini, untshatshela uhlobo lo mbutho woluntu owawuthandwa kweli kwiminyaka engamashumi amathathu eyadlulayo. 

Ngeloxesha, imibutho efana neUnited Democratic Front kunye ne SA National Civic Organisation yayingamaqumrhu abaluleke kakhulu ukumanya umbutho weANC nabahlali. 

Ukufadalala kwenkxaso yalombutho, kunye nepolitiki yohlohlesakhe kumbutho weANC kubuya ngombutho olawulayo njengoko uphulukana nolawulo koomasipala, kwaye kudodobalisa unikezelo lweenkonzo eluntwini. 

Ukanti abavoti bamazi uMashaba njengendoda ewafezekisayo amazwi ayo. 

Ngonyaka ka2019, uMashaba washiya esikhundleni sakhe njengosodolophu wesixeko saseJohannesburg engakhange athundezwe, wawuncama umsebenzi onzima ngenxa yokungavisisani ngemigaqo nkqubo. 

Emva koko wafezekisah isithembiso sakhe sokushiya kumbutho weDA nangona wayeyinxalenye yekomiti ephezulu yalombutho. 

Ngonyaka ka2019 umbutho weActionSa wafumana iivoti ezingaphezu kwamakhulu amahlanu anamashumi amahlanu amawaka kuvoto owawuyinxalenye yalo komasipala abathandathu kuphela bomasipala abangamakhulu amabini anamashumi asixhenxe kweli. 

Ngoku uMashaba uceba ukuba umbutho wakhe ugqatsele zonke iintlobo zonyulo lovalo zikhewu kuwo onke amaphondo eli, njengoko lombutho sele uphehlelelwe njengombutho kazwelonke ngaphambi kolonyulo luka zwelonke ngonyaka ka2024. 

IActionSA sele ukwindawo yesithandathu ngobukhulu kweli. 

Lombutho uneminyaka emibini kuphela wasekwayo, unooceba abangamashumi aluthoba komasipala abangundoqo abaxhonyiweyo kuquka oomasipala abambaxa bephondo laseRhawutini, umasipala wesixeko saseJoburg, eTshwane kunye nas’Ekurhuleni. 

Ngokweziphumo zovoto lwakutsha nje, lombutho unokufumana iivoti ezifikelele kwizigidi ezibini, ezingumyinge weshumi ekhulwini yepesenti zabavoti beli. 

Ngoku uMasha wenza umsebenzi onzima wokuphehlelela amasebe amatsha kwidolophu zeli. 

Ukanti, sele bechongiwe osihlalo bamaphondo kuwo oluthoba amaphondo eli. 

Ufuna ukubonakala esiza nezisombululo kuyo yonke imiceli mingeni ejamelene nabemi beli ukusukela kwisomiso, inkqubo yokucinywa kombane, ukwakhiwa kwesizeko zophuhliso kunye neengxaki zasekuhlaleni ezifana nolwaphulo mthetho. 

UMashaba uyalele onozakuzaku bombutho wakhe kuwo onke amaphondo ukuba agaye inkxaso ngokusebenzisa amaxwebhu alombutho azakuxhonywa kwipali ezisemigaqweni, ingakumbi kwa ward10 kwiphondo laseLimpopo apho kulindeleke ukuba kubanjwe ulonyulo lovalo zikhewu lomasipala ngomhla wamashumi amabini anesihlanu kulenyanga yoMqungu. 

Kuleveki, ubetyelele ePrimrose eTshwane apho abemi bangaphandle bathathela kubo izakhiwo kunye namakhaya bewasebenzisa njengenkaba yezenzo zolwaphulomthetho. 

Lo kaMashaba ujonge nendawo yaseMarikana kwiphondo loMntla Ntshona, apho abahlali bajamelene nomceli mngeni wokuhlinzekwa ngenkonzo enzingekho mgangathweni, nalapho abahlali basisifu ngumsindo ngakurhulumente malunga nesithwakumbe sokubulawa kwabasebenzi mgodini abangamashumi amathathu anesine ababezibandakanye noqhankqalazo lwemivuzo. 

Usihlalo walombutho eLimpopo uSello Lediga uphehlele iphulo lika Rea Lema [Siya lima] elincedisa abantu baselokishini nasezilalini ukuba bazityalele imifuno. 

Ngelixa uluntu lweli lungonwabanga ngombutho weANC, urhulumente kamongameli uCyril Ramaphosa kunye nenkampani ephehla umbani kweli uEskom ngenxa yokumiliselwa kwesigaba sesithandathu sokucinywa kombane, uMashaba uvakale ungonwabanga kwaphela naye kuleveki. 

“Yimpambano evelaphi le? Isigaba sesithandathu sokucinywa kombane?”

Umbutho weANC mawuhlabe ukhangele, uMashaba yingozi. 

Isihloko somfanekiso: UMashaba yindoda elandela ilizwi layo, into engaqhelekanga kwezopolitiko ezonganyelwe bubuqhophololo